
Nangona ewakhethile
amagama awasebenzisileyo umqeqeshi weKaizer Chiefs – kodwa yena uyiphendule into
ethethwe nguRhulani Mokwena olisekela mqeqeshi le-Orlando Pirates ekuqaleni
kwale veki. IPirates iza kuvana amandla neChiefs kumdlalo we-Absa Premier
Soccer League ozakube ubukelwe ngabantu abangaphaya kwamashumi asibhozo
awamawaka ngecala emva kwentsimbi yesithathu emalanga eFNB Stadium ngoMgqibelo.
UGiovanni Solinas noMilutin Sredojevic bathethe neentatheli phambi kowona
mdlalo ojongwe ngamehlo abomvu ngabathandi bebhola yaseMzantsi Afrika.
“Ugxa wam
nguMicho kwaye uziphethe kakuhle. Mna ndiyamhlonipha ugxa wam,” utshilo
uSolinas. Le ibiyimpendulo kaSolinas emva kokuba uMokwena wathi kwiChiefs
akusekho mqeqeshi okrelekrele okwayinkokeli oko kwathi kwahamba uSteve Komphela
kwisizini edlulileyo. Ebuzwa ngokwathethwa nguMokwena, uSolinas uthe: “Andifuni
ukuwuphendula lo mbuzo. Ugxa wam nguMicho. Andikhubekanga – qha andinawo umdla
wokuyingena le nto. Mhlawumbi ngumdlalo wengqondo. Okwethu kukubeka iingqondo
zethu emsebenzini wethi, hayi le into. Iyothusa yona ngoba abaqeqeshi abathathi
kanjalo; umhlawumbi yenziwe ziintatheli le nto,” utshilo uSolinas.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike