INgangolwandle ibuyisa udumo lwangaphambili

Umfanekiso ogciniweyo wabafundi baseNgangolwandle Senior Secondary School

IItitshala zesikolo samabanga aphezulu eXhorha iNgangolwandle High zithi zizimisele ukubuyisela esi sikolo kudumo esasisaziwa ngalo kwiziphumo zebanga leshumi.

Oku kuthethwe yinqununu yesi sikolo uWisizwi Billie kudliwanondlebe neli phephandaba.

Esi sikolo sasikade sigqwesile kummandla waseDutywa eliphantsi kwayo iSebe leMfundo eXhorha, kodwa khange siqhube kakuhle kule minyaka mibini igqithileyo.

Iziphumo ezihle eNgangolwandle zatsala umdla ongummangaliso kubazali abakwiidolophu ezininzi zeli.

Oku kwabangela ukuba ekuqaleni konyaka ka2016 igquba labazali lithumele inqwaba yabantwana babo ukuba bayokufunda eNgangolwandle ngenxa yolu dumo lwempumelelo kwibanga leshumi nalapho kwakupasa nasele bencanyiwe.

Oku kwabangela ukuba esi sikolo sizibone sinabafundi abangaphaya kwama3400, bengaphaya kwe1000 kwibanga leshumi.

Oku kwasibeka phantsi koxinizelelo esi sikolo. Ukuxinana kwabafundi, ukunqongophala kootitshala kwanamagumbi okufundela, kwayithwaxa kakhulu iNgangolwandle, azabintle kwaphela iziphumo zebanga leshumi kwiminyaka emibini edlulileyo ilandelelana.

Inqununu yaseNgangolwandle, uBillie, uthi noko kulo unyaka izinto ziqale kakuhle kakhulu, kwaye nomthamo wabafundi uyalawuleka.

“Asisenangxaki yokuxinana kwabafundi, amanani wabafundi abaza kubhala iimviwo zebanga leshumi kulo unyaka yi-154, kwaye nootitshala sinabo ngokwaneleyo ngoku. Oku kusinika ithemba lokuba sikwazi ukuvuselela into esasidume ngayo sisisikolo,” utshilo okaBillie.

Ukwathe neSebe lezeMfundo kweli leMpuma Koloni lilikhuphe kwangexesha uhlelo [time table] lweemviwo zebanga leshumi. Iimviwo zebanga leshumi ziqale kwiveki ephelileyo, kodwa uninzi lwezikolo luqala kule veki sikuyo.

Bali-105 189 bebonke abafundi abachophele ezi mviwo eMpuma Koloni. Zingama-870 izikolo zikawonkewonke, bengama-80 210 abafundi ababhala kwezi zikolo, ibelikhulu elinamashumi amabini anesibini amaziko wabafundi abangafundi ngokupheleleyo [part time centres] ane-22 377 yabafundi, ngelixa amashumi amane anesixhenxe izizikolo zabucala ezinabafundi abangama-2602.

Kwinani labafundi ababhala kumaziko kawonkewonke ngama-62 437 aqhube kakuhle ukususela kumabanga asezantsi, ngelixa i-11 539 ingabafundi abanyuselweyo ukuya kwibanga leshumi. Ama-6 234 ngabafundi abaliphindayo eli banga.