Isiduko samaThunzi

Imvelaphi: AmaThunzi aphuma kwisizwe samaBomvana. Esi sizwe soThunzi savela amaBomvana esemi phakathi kwamaMpondo kwindawo yaseLusikisiki.

AmaBomvana sesinye sezizwe zabaMbo, imbali yawo isusela mandulo malunga nenkulungwane yeshumi elinambini ngethuba lokuphatha kwenkosi yamandulo yaseMbo uGubela.

UGubela wazala uKhubone, uKhubone wazala uMgebelezana, uMgebelezana wazala uDlozela, uDlozela wazala uSibiside, uSibiside wazala uNjanya endlunkulu noNomafu ekunene.

AmaBomvana la azalwa kwindlu kaNomafu, UNomafu yindlu yasekunene kaSibiside, indlu enkulu kaSibiside nguNjanya, uNjanya ozala uMpondomise, newele lakhe uMpondo kunye nemfusi yamawele lawo uXesibe.

Ukutsho oko amaBomvana ayazalana namaMpondomise, amaBomvana ayazalana namaMpondo ayazalana namaXesibe ngokwemveli nemvelaphi yapho.

UNomafu ongukhokho omdala wamaBomvana wazala uNgwane kwindlu enkulu, waze ekunene wazala uBomvu, waze eqadini kwindlu yesithathu wazala le ndlu ivele esi sizwe samaSwazi.

UBomvu uzele kwindlu enkulu uNyonemnyama, wazala kwindlu yasekunene uNjilo; uNjilo yile ndlu ivele nesi sizwe samaBomvana.

UThunzi uphuma kwenye yezindlu zamaqadi kaNjilo njengoko wayenabafazi abaninzi. Isizwe sikaNyonemnyama kuthiwa ngamaBomvu, sifumaneka kulaa mihlaba yakwaZulu-Natal, size esikaNjilo isizwe kuthiwe ngamaBomvana, afumaneka eXhorha naseMqanduli apho maninzi khona.

Ukubaleka kwamaBomvana eXhorha: AmaBomvana aleqwa ngamaMpondo aze abaleka awela uMbhashe aya kuma kwaHintsa ngenxa yezo mfazwe zawo namaMpondo. Ahlala apho iminyaka engamashumi amathathu.

Aphinda abuyela ezweni lawo ngesiganeko sikaNongqawuse (1857). Kaloku wona akazange avume ukutshabalalisa impahla yawo. Wathi uNkosi Gambushe akuva lo mhlola kaNongqawuse wathuma omnye woonyana bakhe wathi makaye emlanjeni aqiniseke ubunyani bale nto.

Wabuya unyana esithi akabonanga mntu koko ubone amagqabi aluhlaza ebhanana aweyephezu komlambo.

Wathi uGambushe akuva oko yena nabantu bakhe bemka apho kwaGcaleka wathi iminyanya ize ixelelwe yakuvuka ukuba yena nabantu bakhe bawelile sebesiya kuxhela ngaphesheya komlambo.

Ngalo ndlela yaba inokusinda impahla yamaBomvana. Iziduko zamaBomvana ezifana nezooThunzi ezikwimihlaba yamaXhosa njengakwaRharhabe ngabantu abashiyeka ngethuba amaBomvana ayezimele amaMpondo phakathi kwamaXhosa.

Aba bantu bakwaThunzi bathuthwa bathiwe: Thunzi, Thuthumela, Moyikwa, Nyukwana, Pepepe, Nkayi, Walo, Homposhe, Njifile, Tshungwana, Ndikwe,Hompo, Zoyi, Qabel’eliweni, Umthi omi phezu komfula, Ongadliwa nayinxozana, Mngane omncane ongadliwa nayinyosi,

Ubisi lwenkomo oluvalelwa ngumntwan’ekude le kunalo! Sandlala-ngca kuloGaxa, Nkomo zikaNkonyana, Nzala yaseMthumana, Nkomo zibomvu, Kungakhal’intsikizi,Izulu liza kududuma! Isilo samaThunzi: Aba bantu bakwaThunzi bakholelwa ukuba isilo sabo yinja. Kweminye imizi yakwaThunzi inja yakufa bayayingcwaba.

Enye ingwevu yakwaThunzi xa yayiyala ulutsha ngezinto ezililifa lalomzi wamaThunzi neziya kuthi zibaphilise, yabalula ukuba xa umntu ethe esendleleni watshayisa inja abokumisa imoto afike kulo nja ayimbele ayingcwabe.Kuba ugilise ukhokho wakhe.

Emva koko kufuneka akufika ekhaya asile ibhekile abize abantu bafike basele khe batshice, kuzo kudeda ubumnyama kuvele ukukhanya.

Le ngwevu yabayala oonyana neentombi zakwaThunzi isithi maze bathobele izinyanya kuba zinamandla okushwabulela nokuthamsanqelisa.

Xa bengathanga bazihlonela bakohlwaywa naziintaba. Ilizwe alinaxesha lakukhusela umntu ongaqeqeshekanga. Wathi oonyana neentombi zakwaThunzi kufuneka benze izinto eziya kuwudumisa umzi wakowazo nokuba abadala abasekho.

Izinto ezakwenza abantu banqwenele ukuba ooyise bavuke nokuba sebesemangcwabeni. Umsebenzi wabantu bakwaThunzi esizweni samaBomvana: Abantu besi siduko ke kuthiwa kwaBomvana ngabo abanomsebenzi wokubamba intsikizi bayifake emlanjeni xa kubalele.

Isiko lokufakwa kwentsikizi emlanjeni lisiko lezizwe zakwaNtu ezinjengamaZulu, amaXhosa, amaMpondo, amaMpondomise, lokucela imvula kuMdali.

AmaXhosa anentaka ehlonitshwe kakhulu kuba kusithiwa yintaka yemvula, loo ntaka yintsikizi. Kuthi ukuba zithe zalandelelana iinyanga zide ziye esibinini imvula ingani aqonde wonke umntu ukuba konakele.

Amadoda aphuma iphulo kuhanjwe kuyiwe ehlathini kuzingelwa intombazana. Intombazana yintaka yemvula ebizwa ngokuba yintsikizi.

Intsikizi asiyontaka elichule lokubhabha. Le ntsikizi ileqwa ngamahashe ibanjwe ihleli. Yakuba ibanjiwe iyathathwa isiwe enkosini yesizwe eso.

Inkosi ikhupha amaphakathi athenjiweyo abe mabini ahambe aye kuyiqhinishela ngengxowa emanzini emlanjeni. Ishiywa apho emlanjeni.

Ihlala apho ide ibole, yakuba ibolile kuza kusiphuka iintsiba zimke namanzi. Zakumka ke ezi ntsiba iza kuna imvula ebisoloko ilindelwe.

La madoda ebeyifakile kufuneka akhawuleze aye kulaa mlambo afike ayikhuphe laa ngxowa inentombazana.

Ukuba la madoda athe akakwenza oko kuza kuna umvimbi, kuwe izindlu, amanzi adame.