Owadlwengulwa eYunivesithi ubalisa intlungu yakhe eqongeni

Umbhali womdlalo weqonga othi Rape Textile uXabiso ZweniUMFANEKISO: FACEBOOK

KUNYAKA ophelileyo, uluntu kumakhasi onxibelelwano lwalothukile, ingakumbi abafundi baseNMU emva kokuba umdlwenguli enukuneze ngesondo abafundi ababini abenza izifundo zeFashoni kwela zikomfundo.

Ingaba kwakwenzeke ntoni kanye?

Oku kuza kuvakala kakuhle namhlanje ( uLwesine ) we25 kweyeDwarha, xa omnye wabo bafundi owaba lixhoba eza kubalisa eli bali libuhlungu kwiqonga lemidlalo laseBhayi.

Nangona nje umdlwenguli wabanjwa, waze wagwetywa iminyaka evisayo eziseleni, lo mfundi owadlakathiswa ngesondo, ufuna ukwabelana ngeli bali noluntu.

Lo mdlalo weqonga obizwa ‘Rape Textile’ ubhalwe nguXabiso Zweni, owaziwayo njengombhali nombalisi wemidlalo yeqonga ingakumbi eBhayi.

Lo mdlalo ubaliswa ngeendlela ezohlukeneyo eziquka umbongo nomdaniso ngabadlali, nabaquka uZweni buqu (odlala indawo yomdlwenguli), uAsanda Hanabe, uNtomboxolo Nomkalo nabanye.

UZweni uxelele I’solezwe kudliwanondlebe ukuba lo mdlalo, ubeka elubala imeko yoMzantsi Afrika othiwe mbende ziziganeko zodlwengulo nempathombi ngokwesini.

“Aba bafundi bangamaxhoba weso siganeko zange bafumane thuba lakubalisa ibali labo, ngoko omnye kubo unikwa ithuba lokubalisa okwenzeka ngobo busuku belishwa.

“Ngalo mdlalo, sifuna amadoda akhe azifune, azilungise iimpazamo, ahlale phantsi, azithandazele ngokwawo kwaye azinyange,” kuphawula uZweni.

UZweni uthi ixhoba belifuna oku kuphume ngqo emlonyeni walo.

“Wayecatshukiswe yindlela ibali lakhe elabaliswa ngayo ngabeendaba, weza kum ukuze silibalise njengomdlalo oza kufundisa nabanye.”

“Simbona eqongeni ezicoca ngegazi emva kwesi sehlo kuba kaloku ayizompahla zakhe kuphela ezakrazukayo, kodwa kwakrazuka umoya nentliziyo yakhe,” kubalisa uZweni.

Eli bali alikhangeli kuphela icala lexhoba, kodwa nelo lomdlwenguli liyavela.

“Ubalisa ngendlela adlwengule ngayo amanina aliqela, amanye ewafumana kwiindawo zentselo, njalo njalo.”

Amatikiti afumaneka ngeR80 kwabadala, ze ibe yiR50 ebantwaneni.

Umdlalo useLittle Theatre ngo-18:30 ngale njikalanga.