UKoyo ujonge iwonga leeCrowns

UMSASAZI woMhlobo Wenene FM okwayimvumi, uBulelani Koyo, uchongelwe kwibakala leBest Traditional Album kwiiCrown Gospel Awards eziza kubanjelwa eThekwini ngomhla we25 kweyeNkanga 2018.

UKoyo uchongwe ngengoma yakhe ethi Zonk’izono ekwicwecwe lakhe elizayo.

Kweli bakala, uKoyo ukhuphisana noTeboho Moloi, uBabo Ngcobo neThe Living Rock.

“Kuluchulumanco kum xa ndibona ukuba umsebenzi wam uyabonwa luluntu, ndiyavuya xa ndinconywa ngabany’ abantu,” kutsho uKoyo encokolela I’solezwe.

UKoyo, othi uthabath’ ixesha ukuphonononga umsebenzi wakhe, uthi unethemba uza kubuya nayo le mbasa.

Waqala ukuzibandakanya nezomculo kwiqela iBGG ze emva koko wagxila kumculo weekwayala.

“Umculo weekwayala ndisawenza, ukhona kumacwecwe am egospile. Kufanele kudala ndayicula igospile, ndabona ukuba lifikile ithuba lokuba ndivakalise ilizwi likaThixo,” kutsho uKoyo.

Icwecwe likaKoyo elibizwa ‘Somandla’ lineengoma ezilishumi ezifana noNdakudinwa, Zonk’ izono, Thula Moya Wam, Mhlonipheni, Uhlala Nam nezinye.

“Bendifuna iingoma eziza kuthetha nomntu omphefumlo udandathekileyo.

“Eli cwewe linezingqi ezohlukeneyo, igospile edumisayo naleyo inesingqi sesintu.”

Icwecwe liza kufumaneka kwiveki ezayo kwiivenkile ezithengisa umculo.

simphiwe.freddie@inl.co.za