Wehlile njengosodolophu waseKapa uDe Lille

UPatricia de Lille etyikitya ileta yokuxhoma ibhatyi phambi kwenkundla ephakamileyo yaseNtshona Koloni Umfanekiso: Jason Felix/Cape Argus

UDE wabeka phantsi iintambo njengosodolophu waseKapa uPatricia de Lille, “ndikwaphuma nakumbutho weDA namhlanje! Andinakuze ndihlalele ukungcungcuthekiswa kulo mbutho!”

Ethetha phambi kwenkundla ephakamileyo yaseKapa nalapho ebeyokumangalela iDA khona, ecela umngeni kwingxelo yakwaBowman Gillfillan ethi makatshutshiswe kunatyala atyholwa ngalo, uthe kukho ‘izidenge’ kwiDA ekudala zingcolisa igama lakhe.

Uthembisile kodwa ukuba uza kulwa de aphumelele ekuhlambeni igama lakhe. 

“Ndiza kusebenzisa yonke imali endinayo ukuhlamba igama lam. Usomlomo wesixeko waxoka wathi ndibeke phantsi iintambo. Kungona ndizibeka phantsi namhlanje!” utsho efunda ileta ayibhalileyo uDe Lille.

Uthe iDA yambeka ityala phambi kokuba ikhutshwe ingxelo yophando olwenziwe ngamagqwetha akwaBowman. 

“Kwakwinyanga yeThupha, bandibeka ityala. Ngeloxesha ingxelo yakwaBowman iphume kule veki iphelileyo.”

Kulindeleke ukuba ehle ngokusesikweni ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa. Okwangoku akukacaci ukuba uyaphi kodwa ngelakhe uthi uzakukhe ahlale phantsi nosapho kwaye agqibezele nencwadi ayibhalayo.