ENgqamakhwe, kuCentane naseGcuwa kuvunjululwa italente!

Kuphuhliswa amadlali bebhola ekhatywayo kwiidolophi eziphantsi koMnqumo. Umfanekiso: Anele Raziya

Abadlali
baqalwa beselula xa bephuhliswa kwezemidlalo ukuze bakhawuleze bawubambe
umcimbi. Itumente engukracaza eGcuwa eyaziwa ngokuba yiPhelonel Book Seller Under-13
Soccer Tournament yasekwa ukuze yenze kanye lo msebenzi. Injongo yetumente kukuphuhlisa
abadlali abasakhulayo kwindawo ezintathu: kuCentane, eGcuwa naseNgqamakhwe.

Amaqela
alishumi aphuma kwezi dolophi ezintantu athathe ixhanxeba kwimidlalo ebibanjelwa
kwibala laseMsobomvu, eGcuwa. Njengokuba elishumi aye ohlulwa aziziqhu ezibini, ngasinye
besiqulathe amaqela amahlanu. Kwimidlalo eqale ngempela veki kuGroup A: KZI
FC izibethele iYoung Stars ngo’1-0, Rangers FC yazibethela
Montego FC ngo’1-0, Amamfengu FC abhaxabula KZI FC ngo’3-0, iYoung Stars yabuya
yazibethela Montego FC ngo’3-0, Amamfengu FC azibethela Rangers FC kwakhona ngo’1-0.

KuGroup
B: iHotspurs FC ibethe iYouth United ngo’1-0, iFC Relatives yazigombela iNgqamakhwe
United ngo’4-0, iYouth United yabuya yabhaxabula iRockville FC ngo’4-2, iNgqamakhwe
United yaphindisa kwiHotspurs FC ngo2-1, iFC Relatives yaqeqesha iRockville
FC ngo’6-0. Amaqela amabini aphume phambili anethuba lokudlala kwimidlalo
yokhiqwano. Imidlalo kulindeleke ukuba isongwe ngale mpelaveki kwibala laseMsobomvu
kwaye iqela eliphumeleleyo kulindeleke ligoduke nendebe enkulu ekhatshwa
ziimbasa kuquka namanye amabhaso asecaleni.