DJ Mailo usethubeni lokuphumelela kukhuphiswano le1s & 2s kuSABC 1

UDJ Mailo Umfanekiso: Phinda Kula

Ilokishi yaseKhayelitsha nedume kakubi njengeyona ngingqi inobungozi iyaqhubeka nokuveza abantu abanezakhono ezahlukeneyo.

Kungokunje ityendyana elisaze ngobuso elizweni eliphuma koo-L eSite B, eKhayelitsha, lithathe inxaxheba kukhuphiswano looDJ eliboniswa ngqo kuSABC 1 elibizwa ukuba yi1s & 2s Season 5.

USiyamthanda Thomas unamashumi amabini anesine eminyaka ubudala, ungumdidiyeli womculo esingabalula kuwo iHouse Music kwanezinye iintlobo zomculo.

Kungokunje uSiyamthanda nowaziwa kakhulu ngegama likaMailomusic ukukhuphiswano le1s & 2s Season 5 oludlala ngentsimbi yesithandathu ngorhatya lwemivundla rhoqo ngeCawa kwijelo losasazo likamabonakude iSABC1.

Olu khuphiswano lilungiselelwe ukuvula indlela kooDJ abasakhasayo. Kolu khuphiswano kungquzulana ooDJ bebonisa ngezakhono zabo zokudlala iindidi zemiculo eyohlukeneyo. UThomas kolu khuphiswano umele iNtshona Koloni iphela nanjengoko watyunjwa kooDJ abangama36 abathe bangenela olu khuphiswano kulo nyaka.

“Lityeli lam lesibini eli ndingenela olu khuphiswano, ndandikho ngethuba kuphumelela uPrince Kaybee ngo2015, sasitshila kunye eqongeni, ze yena waphumelela emagqabini.

UMailo uthi nangona washiya kuselithuba esikolweni kwibanga leshumi elinanye, akazange watyhafa ekuveliseni umculo, nadiza ukuba uyise umnike inkxaso engagungqiyo nobethe gqolo emthengela izixhobo zokuvelisa umculo.

Kungokunje uthi kunyaka ozayo uza kukhupha icwecwe lakhe elitsha kraca nalapho aza kuthi asebenzisane noMobi Dixon.

UMailo uthi waqala kweli candelo lomculo ngonyaka ka2007 nadiza ukuba waqinisekisa ngakumbi ukuvelisa umculo ngonyaka ka2010 ze emva kokuba wathengelwa izixhobo zokuvelisa umculo waqala ngo 2014, evelisa ingoma awafumana izincomo ngayo.

Uthi usebenzile neenkampani ezininzi nalapho sevelise ingoma ethi ‘Ndihambile’ nadiza ukuba umculo wakhe udlalile kumazwe angaphesheya isithuba seenyanga ezintandathu, kungokunje uthi uncwase ukuvelisa enye ethi ‘Uzobuyela kum’ uthi le uza kuthi ayikhuphe kungekudala.

Uthi akaphelelanga nje ukuvelisa umculo koko uhlahla indlela ukuvulela abo umculo wabo ungekaziwa ngelithi wenza iRythm Unites Online, uthi rhoqo ngoLwesihlanu wokuqala enyangeni uye afake ingoma yakhe.

Sithetha nje elityendyana lisethubeni elihle lokuphumelela ukhuphiswano lwalo nyaka kwii-1s & 2s Season 5.