Akukho sizwe ngaphandle kwemfundo

INgqonyela yakwaTwizza uKen Clarke, ethetha eChairmans eMonti

INGQONYELA yenkampani yeziselo iTwizza, uKen Clarke, uthi ukwakhiwa kwesizwe kuxa umgqeku waso ugxile kwezemfundo.

Oku kungenxa yokuba kungathethwa ngophuhliso nokukhuliswa koqoqosho kuquka ukwakhiwa kweziseko zelizwe, kodwa ukuba imfundo ishiywa ngemva, zakuba lilize ezi nzame ngokokutsho kukaClarke.

UClarke ebethetha eChairmans eQuigney eMonti kule veki, apho umbutho iAlumni Community, onjongo zawo ikukukhuthaza ezemfundo, ububambe umsitho wephulo lokuhlanganisa iintloko ukuze kuqokelelwe imali yokunceda ngezixhobo izikolo ezingathathi ntweni.

Eli phulo lisebenza ngokuthi wena buqu urhume imali engangekhulu leerandi (R100) ukuya kumakhulu amabini eerandi (R200) ngenyanga ukuze iziphathimandla zeAlumni Community zithathe le mali ziyise kwisikolo eso wawufunda kuso.

UClarke uthe: “Ukwakhiwa kwesizwe kuqala kanye kwezemfundo. Ngaphandle kwemfundo akukho sizwe sinakuphuhla. Ukukhula koqoqosho nokuhluma kwemisebenzi kuxhomekeke kwizakhono ezikhoyo kwelo lizwe.”

Uthi yiyo le nto beyiTwizza babone kufanelekile ukuba babeyinxalenye neli phulo.

Ukanti uNoxolo Kiviet, uSomlomo kwiPalamente yePhondo eBhisho, uqhwabele izandla uThando Mpuma, owasungula iAlumni Community, esithi bambalwa abantu abafana naye abathabatha ithuba labo becingela abo baswele iintsiba.

Xa uyinxalenye neAlumni Community, uyakukwazi banzi ngendlela esiqhuba ngayo isikolo owawufunda kuso, ukwazi ukuthetha nabo wawufunda nabo futhi wazi namaphulo aqhutywa sisikolo sakho.

Abo banomdla kweli nyathelo, bangabhalela ku: admin@alumnicommunity.co.za.