Iintomb’ ezibomvu zale mihla!

Mandixolelwe ke bethu ngokuquka. Yintetha yamaXhosa endala ukuthi isizwe sitsha ngomcinga omnye. Nanjengomntu ozele oonyana, ojonge oomolokazana ke ngoko, ndineliso elibukhali koomolokazana bangomso.

Ukuxhalatyiswa ngoomolokazana ke kundihlalisa kakubi, ukuba ndithi rhoqo kusenzeka into embi koomolokazana bam bangomso ndiphatheke kakubi.

Ezintweni zonke ke, kweli ityeli ndindululwa kukuziphatha ‘kakubi’ koomolokazana bam bangomso. Ndithi ndakubajonga ndiphelelwe kukucinga, ndizibuza ukuba inokuba baza kubanjani na kanene ezweni.

Iintombi zethu noko ziyalihlambela igama lazo. Ubunzwakazi bokwenene zithande ukubutyeshela, nobuntyatyambo azibunanzile.

Ndizive sele ndihleka ngokuvakalayo nangokungafihlisiyo, kunjalo nje ndizibonakalisa ukuba ndihleka iintombi endibe ndijongene nazo. Bekungekho nto ihlekisayo ke kambe, kunjalo nje nam ibingekuko nokuba bendinentsini koko bendinyubula, ndimangalisiwe.

Bendike ndatsiba eKapa, nendithe bendikwesinye sezihlobo esiziphilisa ngokuthengisa, kwangena iintombi ezibomvu ezintathu zilandelelana. Bezintle zicikiziwe, ingoomolokazana bam bangomso.

Ndiphoxeke ndasisimoyoywana ndakuziva zikhalaziswa kukungalifumani igwada ebezizothenga lona, zibuza ukuba isihlobo eso sam sithi mazithini na ke xa singenalo igwada. “Iintombi ezimenqayo? Ezintle kangaka nokwenza!” Ndizive sele nditshilo, ndiselekelisa ngokunyubula. Zindijonge nje, azabinalo nodano, zabuzana ngendawo elandelayo emaziye kulijonga kuyo igwada ezibe zifuna lona. Bafondini!

Kaloku mna ndazi ingamaxhegwazana agwadayo, amenqe. Okungakubi ke kukuba ukugwada oku kunento engacacelekanga ke noko; le yokufuna ukuba phinda ulifinye.

Ipotani ekufinywa ngayo igwada awunakuyichola nokuba sele isongele imali. Ngeliphandle iyonyanyeka ipotani yokufinya igwada, ingumfuziselo wobuxelegu ekungekho nobogqitha bona.

Yiba nomfanekiso ke ngoku wenzwakazi enepotani yokufinya igwada! Buphi ubunzwakazi kuleyo nto? Noko ndibe nodano nokuphoxeka kukubona iintombi ezintle njengezo zigqiba ilokishi zifuna igwada, ndacingela oonyana bam.

Nangani ndothusiwe nje kukugwada kweentombi, sele kukuninzi ukuzigxagxisa kwazo. Ukusela utywala yenye yezinto endixhalabisayo kuzo.

Umntu onxilileyo uyaphelelwa kukuzihlonipha nokuzithanda, kwande ukuzigxagxisa nobuxelegu. Iintombi ziintyatyambo nezitya zembeko ngokwemveli yethu.

Ukunxila akufani nantombi yamntu ke ngoko. Kodwa indlela ezinxila ngayo iintombi zethu iyamangalisa! Kunjalo nje azinantloni, zinxila esidlangalaleni.

Kwakwelo Kapa lodumo, eKhayelitsha, kukho indawo ekuselelwa phandle kuyo nekwathengisa inyama eyosiweyo. Zigcwala apho ke iintombi zethu, zinxila noonyana bethu esidlangalaleni. Ivaleka ingahambeki leyo ndlela kunxilelwa kuyo ngoomolokazana. Zinxila ziphiswe; zitwatwalaze kwalapho.

Zithi kuba ke zinxiba iibhulukhwe, kube nzima mpela ukuzifihla, wena waka wazibona iinkomo ebuhlanti. Ndithi ndakuwajonga amasikizi enzeka apho ndibe nomfanekiso weSodom neGomora endingazange ndazibona, endiziva ngokubaliselwa!

Ndixhalele oonyana ke mna kuyo yonke le nto. Baza kuvelaphi ke ngoku oomolokazana abangabo kule meko ndibona yona?

Ndisitsho nje ndiyazi ukuba noonyana bakwanjalo ukunxila nokwenza izinto zokungabhadli, kodwa bendakuba nethemba lokuba baya kuguqulwa ngoomolokazana abangabo kwezo ndlela zabo zibhanxekileyo. Xa kubhanxeke kwaoomolokazana iya kubaphi ke ngoku imizi?

Ndihlala ndikhala ngokuba abafana banamhlanje babangamasoka de babe badala kakhulu; bazeka sele benemikhuba emininzi.

Ndiyasola ke, ukuba nangani benxila kunye nazo nje ezi ntombi zethu, ababoni bafazi kwezi ntombi sinazo. Ofike besithi abakaboni wakubabuza, ungazi batyhatshazwe yintoni.

Nangani indoda ibusela nje utywala, kodwa ayibunqweneli kumkayo. Akukho ndoda ifuna nxila lomfazi nokuba ilinxila na yona.

Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.