Amawonga kaSEK Mqhayi

Ngabantu abaqikelelwa kumakhulu amabini nabebe phuma kwiindawo ezahlukeneyo kweli phondo leMpuma Koloni nabathe bagxalathelana kwiholo yoluntu iOliver Reginald Tambo ngemva kwemini yangoLwesihlanu weveki ephelileyo ngethuba bekubanjwe umsitho wonikezelo lwamabhaso kumaqhawe namaqhawekazi asaphilayo nasandulelayo, nathe anikwa iindebe ngemisebenzi emihle abayenzele isizwe, itshilo ingxelo kaNkosazana Pamela Mqhayi ongumzukulwana wolu sapho, nowaseka iSEK Mqhayi Centre for Development ngo2011.

Umxholo walo nyaka ubusithi, Siwong’amaqhawe, sikhuthaza ubuntu, umanyano, inkqubelaphambili. Isithethi sembeko nguZixolisiwe Mngxaso nothe ezona njongo ziphambili zalo msitho kukuwonga amaqhawe asebenzele uluntu ngokuzinikela engajonge nzuzo, ukubuyisa ubuntu nokusebenzisana ngomoya wobunye noxolo ngeenjongo zokwakha isizwe esiNtsundu. “Okwesibini sivuselela sikwabhiyozela ubomi bukaSamuel Edward Krune ongasekhoyo nolelinye lamaqhawe adlala indima ebalulekileyo kwizinto ezininzi ngeenjongo zokuphucula ubomi babantu beli lizwe neentsapho zabo.”

Ungqinile ukuba eli qhawe nanjengoko lalifunde lada layityekeza lalingumbhali wencwadi zesiXhosa, imbongi yesizwe jikelele, intatheli, utitshala ekwacebisa neeNkosi kwimiba ethile. Iculo elithi, Nkosi Sikelela iAfrika labhalwa nguye noEnoch Sontonga ongasekhoyo. Wazalelwa eDikeni kwaGqumashe ngo1875, walishiya eliphakade emva kwengulo emfutshane ngo1945, waphumla phezu kwemisebenzi yakhe eNtabozuko eBerlin.

UMqhayi uthi nangona kubekho amagingxigingxi ngokuthi awiswe ngamahashe ebewathembile ngeeyure zokugqibela, uyingxengxezele lo nto kuluntu obe luzimase ngomonde ngalo mhla womsitho. “Nangona uqale emva kweeyure ezimbini uza kuqhubeka ngesiqhelo nokuba sekumnyam’entla!” Kwaye ngenene akukhange aphele mandla, umsitho uqhube ngempumelelo emandla noluntu lawonwabela ngendlela ezahlukeneyo.

Phakathi kwabantu abathe bawongwa ngalo mhla, kwaye bebonke ingabemi abadala baseZwelitsha, singabalula uBulelwa Mekuto nowayeyititshalakazi kwisikolo iNdzondelelo Primary. Ukanti ngethuba efumana eli wonga ebexhentsa ezombelela kwiqonga lelo holo.

UNontobeko Tuswa ebemele umyeni wakhe ongasekhoyo uDambile “Mpandlana” Tuswa owaye ngomnye wabasasazi abaphum’izandla ekufundeni iindaba ngesiXhosa kumajelo afana neTranskei, iRadio Bantu eRhini ngo1963, wayokutsho eQonce ngo1968.

Ukanti ngo1973 wasebenzela iRadio South Africa kwaye ngo1976 wasebenzela iRadio Transkei ukanti ngo1981 wangena kwiRadio Ciskei esebenza njengomphathi sitishi.

Eli gqala lomsasazi lalibona ilanga ngo1933, lalishiya eliphakade lineminyaka engama60 ubudala, itshilo ingxelo kaLulama Tuswa ongunyana wakhe kudliwanondlebe olulodwa phambi kokuba unina afumane indebe.

Emva kokuba enikezelwe imbasa nguZimkhitha Mqhayi olelinye lamalungu osapho ebekho nobephuma eBhofolo ephelekwe ngumntakwabo uSiyabulela noBusiwe Mqhayi, ebexhentsa ezombelela ngenxa yemivuyo kwiqonga leholo njengoko umyeni wakhe ebewongwa. Omnye nguMam’ uLumka Nyete nowayengumongikazi eMkhangiso nakwaZwelitsha nodlale indima enkulu kwimpilo yabantu balapho nabahambeli.

ULuvuyo nodade wabo uNomonde Stengile bebemele uyise uMotsi Stengile nowaqeqeshwa ngongasekhoyo uCharles Sebe. UStengile ke ngomnye wembethimanqindi ezaziphum’izandla, wayekhe waxhimfana noHappyBoy Mgxaji kunye nezinye iimbethimanqindi ezazisilwela imali. Omnye nguMthunzi Nocanda owayebalasele ekulimeni imifuno.