I-ELundini Municipality iyazingca ngencwadana i-The Black Horizon

Umasipala wasemakhaya waseElundini noquka iidolophi ezintathu; iMaclear, iUgie kunye neMount Fletcher uyazingca ngokunizisela incwadana nengumqulu oqulathe amagqabantshintshi ngempumelelo yeenkonzo ezingundoqo eluntwini ukusukela ngonyaka ka-2016 ukuzokuthi gaa ngoku kweli bhunga lilawulayo.

Oko kuquka;-

* Ulwakhiwo lwendlela ezintsha ezingaphezulu kwamashumi amane anesine (44.32km), ukulungiswa kwezikhoyo ezineekhilomitha ezingaphaya kwamakhulu amabini anamashumi amabini anesithoba (229km)

* Ukwakhiwa kwamaholo amabini athe axabisa ngaphaya kwezigidi zeerandi, leyo iyiholo yabahlali baseNkalweni eWadi 1, iholo yabahlali baseWadi 7 iBotsabelo kwakunye neziko labahlali eLower Tsitsana.

* Ukwakhiwa kwebhulorho yaseMjikelweni eWadi 11 nexabise ama-R 990 373.62

* Ufakelo lombane kumakhaya angama-7291 kwiiWadi ezilishumi zomasipala iELM

* Ulwakhiwo nolungiso lwamabala okudlalela ibhola.

* Ulwakhiwo lwendlela engena eMbidlana kwakunye nebhulorho

* Kuthe kwadaleka amathuba emisebenzi angama-2094 ngokwenkqubo iEPWP

Njengenxalenye yokuphuculwa kwedolophu ezincinane uMasipala waseElundini uthe watyikitya isivumelwano soqesho lomhlaba apho kuzakuthi kwakhiwe ubhaza-bhaza lweevenkile; iMt Flecher Shopping Complex.

Olu bhaza-bhaza lweevenkile luzakuquka ezi zakhiwo; iivenkile zokutya, iivenkile zefenitshala, iibhanki neeOfisi zabucala.

Lo masiapala uthe wasindleka nenkqubo eziphuhlisa ulutsha njengenkxaso-mali yokufunda kubafundi abali-12, ukwamkelwa (adoption) kwezikolo ezilishumi apho kuthe kwaqashwa abantu abatsha njengabafundisi (tutors) kumabanga asephantsi.

Ukulwa ungakwazi ukuziphatha kolutsha, kuthe kwenziwa ukhuphiswano lwengxoxo-mpikiswano yabafundi bezikolo iminyaka emibini ilandelelana. Zintathu iiNdebe zikaSodolophu nezithe zabanjwa, apho amaqela athe anikwa iikiti kwiiWadi zonke.

Ukuva ngala magqabantshintshi zifumanele eyakho incwadana kwii-ofisi zikamasipala kwiidolophu zalo masipala okanye ndwendwela * : www.elundini.gov.za