IChippa United iziphindisele kwiChiefs ephoswe yiTop 8

UGledwin Shitolo weChippa United noKgotso Moleko weKaizer Chiefs besukela ibhola emdlalweni we-Absa Premier Soccer League obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium namhlanje. Umfanekiso: Bhekizizwe Radebe

Emva kokubethwa
kabuhlungu yiKaizer Chiefs emdlalweni weNedbank Cup kwinyanga ephelileyo –
iChippa United iziphindisele ngo’1-0 emdlalweni we-Absa Premier Soccer League
obuseNelson Mandela Bay Stadium namhlanje. Igowuli leChippa lifakwe nguRhulani
Manzini phambi kokuphela kwesiqingatha sokuqala. Ukuphumelela kwayo umdlalo
wokugqibela kuthetha ukuthi ivala isizini ikwindawo yeshumi elinambini kwiPSL. Wona
Amakhosi aphoswe yiTop 8 namhlanje anethemba leNedbank Cup aza kudlala kuyo
neTS Galaxy kwiveki ezayo. Unozinti weChippa United, uMbongeni Mzimela, ngoyena
mdlali obezijule ijacu namhlanje okwaxabe endleleni yeChiefs.

Isiqingatha
sokuqaka besivutha bhe – kodwa umdlalo ubuthande ukuba rhabaxa noxa ubulawulwa
yiChiefs ebiquqa ibuyelela kwiipali zeChippa. Kuye kwanyanzeleka okokuba
uClinton Larsen akhuphela uTeboro Makobela oye wonzakaliswa nguTeenage Hadebe
kungekapheli nemizuzu elishumi. UKhama Billiat uphantse wawabeka endaweni entle
Amakhosi ngethuba ibhola yakhe inqandwa yipali imshiyile uMbongeni Mzimela.
Uphinde wazama kwakhona uBilliat – kodwa kwisihlandlo sesibini, uHadebe ubhutyuze
ibhola esendaweni entle. Nakubeni bekungekho
mathuba angako aveliswe yiChippa kwisigaba sokuqala – kodwa uWilliam Twala ebeyinkathazo
kwiChiefs. Kuthe emva kokuphosa ithuba, uRhulani Manzini ubhakuzelise umnatha
emzuzwini wamashumi amathathu ananye emva kwebhola entle ayidlalelwe nguPhetso
Maphanga. Anyathelele phezulu Amakhosi ekhangela igowuli lokulinganisa – kodwa
ibhola kaLeonardo Castro iphume ecaleni kancinci. UTercious Malepe ufumene
ithuba endaweni entle – kodwa ufike uDaniel Akpeyi ethe qwa.

Zisuka nje
kwisigaba sesibini, uErnst Middendorp, ukhuphe uErick Mathoho – endaweni yakhe
wafaka uLebogang Manyama. Yena uGeorge Maluleka uthathe indawo ka-Andrianarimanana.
Abadlali beChippa United kuye kwanyanzeleka okokuba banyuse umxakatho ngenxa
yoxinizelelo olubekwe kubo yiChiefs ebibonakala ingxamele ukufaka igowuli
lokulinganisa. UMzimela ubambe ibhola embi ebikhatye nguBilliat obenikelwe
ibhola entle nguCastro. UKurt Lentjies uphose ithuba lokufaka igowuli lesibini
ngethuba eqabelisa ibhola emzuzwini wamashumi asixhenxe anesithathu. Nakubeni umdlalo
ubulawulwa yiChiefs – kodwa iChippa iphethe iphumelela.

Image may contain: one or more people, people playing sports, stadium and outdoor

Chippa: Mbongeni Mzimela, Zitha Macheke, Tebogo
Makobela, Gladwin Shitolo, Tercious Malepe, Donashano Malama, Phetso Maphanga,
Kurt Lentjies, William Twala, Lerato Manzini, Rhulani Manzini.

Amalalela: Veli Mothwa, Mark Mayambela, Daine Klate,
Ruzaigh Gamildein, Gerald Modisane, Frederic Nsabiyumva, Boikanyo Komane.

 

Chiefs: Daniel Akpeyi, Ramahlwe Mphahlele, Kgotso
Moleko, Teenage Hadebe, Erick Mathoho, Reeve Frosler, Willard Katsande, Aro
Andrianarimanana, Bernard Parker, Khama Billiat, Leonardo Castro.

Amalalela: Bruce Bvuma, George Maluleka, Joseph
Molangoane, Lebogang Manyama, Kabelo Mahlasela, Siyabonga Ngezana, Dunisani
Zuma.