ULarsen ubaqhwabela izandla abadlali bakhe abalwele noMakobela owonzakaliswe nguTeenage Hadebe

UWilliam Twala weChippa United esukelwa nguKgotso Muleko weKaizer Chiefs emdlalweno we-Absa Premier Soccer League obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium izolo. Umfanekiso: Bhekizizwe Radebe

Zithe
xibilili izibilini kuClinton Larsen nakubaphathi emva kokuba iChippa United
izuze impumelelo eyisindise ezembeni kwisizini ye-Absa Premier Soccer League ka-2018/19
esongwe izolo. IChippa United ibethe ngegowuli elinye (1-0) iKaizer Chiefs,
evale isizini ingaphandle kweTop 8 okwesibini iqeqeshwa nguErnst Middendorp,
emdlalweni oburhabaxa eNelson Mandela Bay Stadium. Igowuli ephumelele ngalo
iChippa lifakwe yifolosi, uRhulani Manzini, kwisigaba sokuqala somdlalo yatsho
yafumana indawo yeshumi elinesibini kwiPSL. Nakubeni iphumelele iChippa United,
umdlalo ulawulwe yiChiefs phantse kuzo zozibini iziqingatha – kodwa into
engakwazanga ukuyenza [iChiefs] kukusebenzisa inkitha yamathuba ewafumeneyo.

“Bekunzima
kakhulu emdlalweni – kodwa ukuba uyajonga, ngesingathotyiselwanga nokuba
besingaphumelelanga. Bekunyanzelekile iChippa iwuphumelele umdlalo ukuze
ingaxhomekeki kokwenzeke kwamanye amaqela. Siye emdlalweni ndinethemba ngenxa
yendlela abadlali abadlale ngayo emdlalweni obuphakathi kwethu (Chippa)
nePolokwane City. Indlela abadlale ngayo abadlali ngethuba siqubisene
nePolokwane ibisemgangathweni ophezulu. Nanamhlanje, abadlali bebezinikele
kakhulu. Phambi komdlalo sithe kubo: Indlela esidlala ngayo emva
akunyanzelekanga ibentle, into efunekayo kukuqinisekisa okokuba akungeni gowuli
kuthi – qha. Yenzekile nyhani lo nto,” utshilo uClinton Larsen obencume
olukabhulankethe emva komdlalo izolo.

Umqeqeshi weChippa
uzamkele ngovuyo iziphumo zomdlalo watsho esithi uye wabacela abadlali bakhe
okokuba badlalele nendawo kaTebogo Makobela – oye wakhutshwa emdlalweni emva
kokonzakaliswa nguTeenage Hadebe kwisiqingatha sokuqala somdlalo. “Ibembi into
eyenzeke kuMakobela. Wophuke umlenze emva kokudlala kakuhle emidlalweni
emithathu ilandelelana. Yilo nto ebembi kuthi emdlalweni – kodwa ndithe
ebadlalinii mabadlalele naye ngoba ebezakulwa nathi ebaleni ukuba
ebengonzakalanga. Bayenzile lo nto abadlali ngoba ubekhona umahluko emdlalweni
wabo emva kwekhefu. Ndithe kubo mabalwe futhi badlale kakubi xa kukho imfuneko
ngoba besisilwela ukusinda ezembeni. Ndivuya kakhulu ngoba abadlali bawenzile
umsebenzi,” uvale ngaloo mazwi uLarsen.