UKomphela ubona owayeqeqesha iFree State Stars njengesidenge esoyisileyo!

Steve Komphela, coach of Golden Arrows during the 2019 Nedbank Cup semi final match between Golden Arrows and TS Galaxy at Sugar Ray Xulu Stadium, Durban on 20 April 2019 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Umqeqeshi
weLamontville Golden Arrows, uSteve Komphela, ukhwele ezehlela kutshaba lakhe
olukhulu uLuc Eymale owayefudula eqeqesha iFree State Stars – ethotyiselwe kwinqanaba
elisezantsi. UKomphela usebenzise amazwi arhabaxa ngethuba ephendula imibuzo ephoswe
kuye ziintatheli emva kokuthotyiselwa kweqela awaziqaqambisa kulo
njengomqeqeshi kwiPremier Soccer League. Ukutsarhana ngamazwi phakathi
kukaKomphela noka-Eymael kwaqala kwisithuba esingaphaya konyaka. Esaqeqesha iFree State
Stars, uEymael waqhayisa ngelithi yena ufumene indebe kodwa kusekho abaneshumi
elinesihlanu leminyaka bengekafumani nenye indebe.

Okwenza
kwakubi ngakumbi kungethuba uEymael efuna umsebenzi kwiKaizer Chiefs – ngelo
xesha uSteve Komphela esengumqeqeshi. “ULuc makazifundise ukubahlonipha abanye
abantu. Akasoze ahlale ixesha elide kakhulu ebholeni umntu ongababoniyo abanye
abantu. Kufanele ayazi indawo emfaneleyo. Soze eze apha kweli lizwe, afike enze
into ayithandayo. Khumbula, ngoku ndithetha ngohlobo lomntu anguye. Phambi
kokungena ebholeni, mhlawumbi – kwakufanele kubekho indlela yokuhlola ubume
bengqondo yomntu ngamnye,” utshilo uKomphela.

Emva
kokuphumelela iNedbank Cup kunyaka ephelileyo esengumqeqeshi weFree State
Stars, uLuc Eymael, wanyanzelisa iChiefs neSuperSport United ukuba zimqeqeshe
ingaphelanga iveki – kuba loo maqela ayekhangela abaqeqeshi abatsha. Lo nto
ibonwe njengobudenge obuxakileyo nguKomphela. “ULuc ngumntu ongenayo imbeko
konke konke. Umntu onjalo ke uyafuna ukufakwa endleleni. Emva kokuphumelela
iNedbank waya kwiChiefs nakwiSuperSport wathi: ndininika iveki nindiqeshe,
kungenjalo ndakube ndimkile. Yiyeke eyokungabikho kwembeko, uthini kubantu
afuna bamqeshe? Yayibubudene obuya,” utshilo uKomphela ethetha neentatheli emva
komdlalo wokugqibela. Abafana Bes’thende babethwe ngegowuli elinye eqandeni
yiBidvest Wits ebaleni labo.