Ucinge nzulu ngoomama washicilela icwecwe likamaskandi

Imvumi yomculo kamaskandi uSithembele Qabelimfene Yobo UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

UNENKUBAZEKO yokuhamba ngeentonga kodwa mhla wagqiba kwelokushicilela icwecwe likamaskandi, wacinga nzulu ngoomama, ze washicilela icwecwe elumkisa amadoda ngelithi asibobudoda ukuxhaphaza oomama.

Lowo nguSithembele “Qabelimfene” Yobo (24) ohlala e-Unit P eMdantsane, nangona nje wazalelwa eLusikisiki.

UQabelimfene ufike kwiiofisi zephephandaba I’solezwe lesiXhosa eVincent, eMonti, esithi ucela ukuqonda malunga namanyathelo anokuwenza ukuxelela uluntu ngomculo wakhe.

Uthi ukhule ewuthanda kunene umculo kamaskandi kwaye waqonda ukukhubazeka ukuba asinto enakummela ngaphambili.

“Ukuqala ukucula umculo kamaskandi bekungonyaka ka2013 kodwa icwecwe lam lokuqala ndilikhuphe kulo nyaka uphelileyo.

“Umculo kamaskandi ndiwuthanda kakhulu. Ndisakhula bendimamela umculo weemvumi ezifana noPhuzekhemisi, uMfazomnyama noNkunzemdaka,” kutsho uQabelimfene.

Icwecwe lakhe elithi Umuntu Wesifazane lineengoma ezilishumi elinesihlanu.

“Ndalishicilela kweyeThupha (inyanga yoomama) kunyaka ophelileyo ngeenjongo zokuba ndilumkise amadoda ukuba ohlukane nomkhwa wokuxhaphaza oomama,” utshilo uQabelimfene.

Uthi umculo wakhe udlalwa kwizikhululo zikanomathotholo zasekuhlaleni zaseMonti, esithi ngenxa yeentsiba akakwazi ukuwusa kwezinye izikhululo.

“Ndiyayifumana kakhulu inkxaso xa ndithengisa umculo wam eMonti naseQonce. Abantu bayawuthenga umculo wam.”

UQabelimfene uchongiwe kumawonga abizwa Amagugu Music Awards, apho ungamvotela ngokubhala ‘Best Newcomer Qabelimfene’ uthumele ku33668.