iTS Galaxy izimisele ukugawula umthi omkhulu eMoses Mabhida Stadium

Zakhele Lepasa of TS Galaxy celebrates goal with teammates during the 2019 Nedbank Cup semi final match between Golden Arrows and TS Galaxy at Sugar Ray Xulu Stadium, Durban on 20 April 2019 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Ngomso, onke
amehlo wabalandeli bebhola azakube esemdlalweni wokugqibela weNedbank Cup
ophakathi kweKaizer Chiefs neTS Galaxy edlala kwaNational First Division. Umdlalo
uza kuqala ngqo enqayini ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya (19:00) eMoses Mabhida
Stadium. Iqela likaDan “Dance” Malesela, iTS Galaxy, lizimisele ukugawula umthi
omkhulu libulahle phantsi wangomso ngoba lizimisele ukubhala iincwadi zembali
ngokutsha. Amakhosi aya emdlalweni wangomso ephantsi koxinizelelo olumandla.
Abalandeli bawo (Amakhosi) baneengcwangu ngenxa yokufeda kweqela labo iminyaka
emine yonke. Umdlalo wangomso ungokubuyisa isidima seChiefs ephoswe yiTop 8
emva kokubethwa yiChippa United ngo’1-0 emdlalweni wokugqibela wePSL kwiveki
ephelileyo eBhayi.

Isekela-mqeqeshi
leGalaxy, uThulani Nkosi, uxelele iintatheli eThekwini izolo okokuba iqela
lakhe liwulungele umdlalo futhi aluzukuzikhathaza konke konke ngokwenzeka kwinkampu
yeChiefs. “Abalandeli ngeke bayixhase iChiefs. Into abaza kuyenza kukubeka
abadlali bayo phantsi koxinizelelo emdlalweni – kodwa asizimiselanga ukuzikhathaza
ngokwenzeka kuyo. Kufuneka sijongane nowethu umsebenzi. Nokuba kwenzeka ntoni
kubo, yimeme yabo. Sizokudlala umdlalo wokugqibela thina eThekwini kwaye sifuna
ukuphumelela indebe sakugqiba sidlale namaqela ezwekazi le-Afrika. Uxinizelelo
lukwiChiefs nakumqeqeshi wayo,” utshilo uNkosi.

Amakhosi
abanelishwa xa edlala namaqela adlala kumgangatho ongezantsi – kodwa kulo
unyaka, abe nethamsanqa ngoba akwazile ukubetha iTornado ngo’1-0, iThe Magic FC
ngo’3-0, emidlalo yeNedbank Cup. Ukuba iChiefs iyaphumelela ngomso, lo nto
iyakuthetha ukuthi ibethe iintaka ezimbini ngelitye elinye: yindebe nokubuyela
kwimidlalo yeCaf. Ukuze ifike kwisigaba sokugqibela seNedbank Cup, iTS Galxy
yabetha iLamontville Golden Arrows ngo’3-1 kwaye ukufumana ithuba lokudlalela
indebe – yinto enkulu kakhulu kuyo. “Ukuqubisana neChiefs kuyinkuthazo eqeleni
lethu. Sizimisele ukubonisa ilizwe lonke italente esinayo ngoba abadlali bethu
ngabalapha eMzantsi Afrika bonke,” uvale ngaloo mazwi uNkosi.