iTS Galaxy ziintshatsheli ezintsha zeNedbank Cup zika-2018/19

Sizwe Mdlinzo of TS Galaxy challenged by Willard Katsande and Aro Adrianarimanana of Kaizer Chiefs during the 2019 Nedbank Cup match between Kaizer Chiefs and TS Galaxy at the Moses Mabhida Stadium, Durban on the 18 May 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Iqela elidlala
kwaNational First Division, iTS Galaxy, ziintshatsheli ezintsha emva kokubetha
iKaizer Chiefs ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni wokugqibela weNedbank
Cup namhlanje ebusuku eMoses Mabhida Stadium ebigcwele ithe qhu ngabalandeli
bebhola ekhatywayo. UZakhele Lepasa ufake igowuli ekuphela kwalo yatsho iGalaxy
yafumana indebe (yayo) yokuqala, kwangaxeshanye, yaphinda yaliqela lokuqala
eliphumelele iNedbank likwaNFD. Abalandeli beChiefs – abebephume ngobuninzi
njengesiqhelo – bebenyembezana ngenxa yokubethwa kweqela labo elineminyaka
emine lingasaphakamisi ndebe. Ukubethwa kweChiefs kuzenze buhlungu ngakumbi
iintliziyo zabalandeli ngoba ivale isizini ka-2018/19 ikwindawo yethoba – into ethetha
ukuthi ayizukwazi ukudlala kwiMTN 8 kwisizini ezayo. UDan “Dance” Malesela
ufumene indebe yakhe yokuqala njengomqeqeshi namhlanje ngokusesikweni.

Imizuzu elishumi
iphelile kungekho qela elibhalisileyo ebhodini nangona umdlalo uqale ngesantya
esiphezulu. Amakhosi aqale ngomfutho omkhulu phambili esebenzisa uBernard
Parker noKhama Billiat. Akukho nto ingako abayenzileyo kodwa ngoba abadlali beTS
Galaxy bebethe qwa emva futhi beqhawula kwanto eyingozi. Abadlali bakaDan
Malesela baziqaqambisile ngokunikelana ngebhola kakuhle besiya phambili. UThembinkosi
Mbamba uphantse wayibeka endaweni entle iGalaxy – kodwa ibhola yakhe iphume
ngaphezulu kwepali emva komdlalo omhle awudlale noogxa bakhe. Isiqingatha sokuqala
siphele kungekho qela elidale amathuma acacileyo emdlalweni – kodwa elikaMalesela,
lelona ebeliyongozi futhi nebidlalela emhlabeni weChiefs. UParker uphantse wayonzakalisa
iGalaxy ngomzuzu wokugqibela – kodwa ibhola yakhe ityhalelwe ngaphandle.

Umqeqeshi weChiefs,
uErnst Middendorp, uqale isigaba sesibini somdlalo ngoGeorge Maluleka – ongene endaweni
ka-Adrinarimanana. Ibhola kaLebogang Manyama iphume ecale emva komdlalo omhle
odlalwe nguKabelo Mahlasela, uBilliat noWillard Katsande. Unozinti weGalaxy,
uMpakumpaku, ubambe iibhola eziliqela kwimizuzu yokuqala kwisigaba sesibini
somdlalo. Bekucace gca ukuba iChiefs ifuna igowuli elikhawulezileyo. Umdlalo uye
wathanda ukubarhabaxa. Oogqirha bebengena bephuma ebaleni benyanga abadlali
bamaqela omabini. Ukungena kukaDumasani Zuma kuwushukimisile umdlalo – kodwa abadlali
beGalaxy bebevale ngci  emva. UKatsande uphose
ithuba lokubeka ibhola emnathe emva kokufumana ibhola ebisuka ekoneni emzuzwini
wamashumi asibhozo anantathu.

  

Chiefs: Bvuma,
Hadebe, Cardoso, Moleko, Ntiya-ntiya, Mahlasela, Katsande, Dax, Manyama,
Billiat, Parker.

Amalalela:
Petersen, Mphahlele, Castro, Maluleka,
Zuma, Zulu, Frosler.

Galaxy: Mpakumpaku, Aubaas, Dube, Mashego, Nyama, Chaine, Mbamba
(Ngidi 36), Bodibe, Nduli, Mdlinzo, Ndlovu. 

Amalalela:
Phungwayo, Myataza, Shangase, Lepasa,
Abrahams, Ndlovu, Ngidi.