UKutumela uncede iMaritzburg United kunzima eHarry Gwala Stadium

Thabiso Kutumela of Maritzburg United challenged by Wandile Shezi of Royal Eagles during the National First Division Playoffs 2018/19 match between Maritzburg United and Royal Eagles on the 19 of May 2019 at Harry Gwala Stadium Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Igowuli ekuphela
kwalo elifakwe yifolosi, uThabiso Kutumela, lincede iMaritzburg United, ebethe
iRoyal Eagles ngo’1-0 emdlalweni obunzima ngendlela emangalisayo (wokuzibekela indawo
kwiPremier Soccer League) obuseHarry Gwala Stadium emalanga namhlanje. Bekunyanzelekile
iMaritzburg iphumelele ngoba iRoyal Eagles iye emdlalweni wanamhlanje
inamanqaku amathathu engxoweni kakade emva kokubetha iTshakhuma Tsha emdlalweni
wokuqala. Njengokuba bekulindeleke iTeam of Choice ingafumani bunzima kangako
ngenxa yabadlali bayo abanamava nabasemgangathweni ophezulu – kodwa kuye
kwanyanzeleka okokuba isebenze ngokuphindaphindeneyo ngoba iEgleas ibizimisele
kakhulu.

Umqeqeshi weMaritzburg
United, uEric Tinkler, uye waziphumza iifolosi zakhe aqhele ukuqala ngazo
umdlalo. Ukhethe ukusebenzisa uThabiso Kutumela noMxolisi Kunene
– njengamadoda aza kuxhokonxa ngawo emdlalweni wanamhlanje. Icebo likaTinkler
lisebenzile ngoba nguKutumela oze negowuli elibeke iMaritzburg endaweni entle
kwisigaba sesibini somdlalo emva kokuswantsuliswa yi-Eagles elwela ukunyukela
kwiPSL. Impumelelo ezuzwe liqela likaTinkler ibaluleke kakhulu ngoba ngoku lilingana
neRoyal Eagles ngamanqaku ephumelele umdlalo omnye kwemibini. ITeam of Choice
kufuneka ibethe iTshakhuma Tsha ngoLwesithathu emalanga ukuze yandise amathuba
wayo wokuhlala kwaPSL emva kokuvala isizini kwindawo yeshumi elinesihlanu
kwisizini ka-2018/19.

  

Maritzburg United: Ofori, Xulu, Allie, Ndlovu, De Reuck, Makaringe, Timm,
Kutumela, Mokate, Kunene, Shandu.

Amalalela: Mpandle, Kateregga, Matsi, Onyango, Hlongwane, Moseamedi,
Mekoa.

Royal.

Eagles: Nyame, Cele, Nene, Manganyi, Wambi, Mosebo, Stoffels,
Ntuli, Shezi, Zulu, Bakah.
Amalalela: Abubakar,
Mncube, Booysen, Ndwandwe, Tshabalala, Brown, Tau.