Igwetywe ubom indoda ibigqugqisa idlwengula kuMpundu

Ukusukela kunyaka ka2014 ukuzokutsho kunyaka ka2016, abantu bendawo yakuMpundu, eMdantsane kwakunye naseNxarhuni, baphile ubomi bentshontsho ingakumbi abo bangamakhosikazi ngenxa yesidlwengu ebesigqugqisa kwezi ndawo.

USivuyile Ngqula, 39, waseNgqushwa, nobesebenza njengomqhubi weteksi kwezi ndawo zingentla, ugwetywe ubomi yiNkundla ePhakamileyo yaseBisho emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula.

Isithethi samaPolisa ePhondo, uKapteni Khaya Tonjeni, sithi oku uNgqula ukwenze iminyaka emibini engade abhaqwe de wabe uyabanjwa ngomhla wesithoba kwinyanga yoMqungu, kunyaka ophelileyo.

Amaxhoba kaNgqula awathi wawadlwengula mane, kuwo kuquka nomama onamashumi amathandathu anesihlanu ubudala welali yaseGcinisa eNgqushwa, oku kusenzeka kwikhaya lalo mama kwinyanga yeNkanga ngo2015.

Waye wadlwengula inkosikazi enamashumi amathathu anesithandathu yaseMdantsane ngenyanga kaCanzibe 2016, ze ngenyanga yoMsintsi wadlwengula inkosikazi enamashumi amathathu anesithandathu yelali yakuMpundu.

IJaji ebichophele eli tyala eBisho ngolu suku lwesigwebo, uBelinda Hartley, uthe ukudlwengula yinto ekhoyo apha eMzantsi Afrika kwaye enobungozi.

UHartley uthe xa udlwengula umntu woxutha isidima sakhe kuye. Uthi esi isigwebo ngumyalezo oya nakwabanye abenzi bobubi.

UMkomishinala wamaPolisa ePhondweni uNjengele Liziwe Ntshinga usiqhwabele izandla esi sigwebo, ekwancome neqela eliphandayo ngobungqina elithe labuqokelela.

“Kunyaka ophelileyo besingaphandle kwale nkundla ngethuba kuqhuba iphulo leentsuku ezilishumi elinesithandathu zokulwa ukuxhatshazwa kwabantwana kwakunye namanina kuvela uNgqula, sisithi sifuna isigwebo esiqatha kwizidlwengu. Oku akukhange kufikelele kwiindlebe ezingevayo. Sikwaqinisekisa ukuba siseza kuqhubekeka ukulwa ukuxhatshazwa kwabantu basetyhini,” uvale ngelo uLt Ntshinga.