Kutshone umfana edamini kuHombe!

Abahlali belali yakuHombe eLusikisiki bavukela kwidama lale ndawo ukuyokukhangela umfana otshone ngoLwesibini kwiveki ephelileyo, izinja kunye neendadi zibuya nembande yesikhovaumfanekiso: Buziwe Nocuze

Banxunguphele abahlali belali yakuHombe, eLusikisiki, kulandela ukutshona komfana obequbha kwiveki ephelileyo.

UYongama Ntozini uxelele I’solezwe ukuba esi siganeko sibothuse kakhulu nangona ingesiso esokuqala.

“Kudala abantu betshona kweli dama abanye baye bakhawuleze bafumaneke, kodwa eyalo mfana into iyaxaka kuba kuphela iveki ngoku oko simkhangela,” utshilo uNtozini.

Watsho esithi ngethuba etshona ebequbha nanjengoko bekutshisa kakhulu kwiveki ephelileyo ngolwa suku.

“Le nto inento yayo kuba iingcaphephe oko ziquqa zibuyelela kusukela oko wathi watshona kodwa zibuya nembande yesikhova,” utshilo uNtozini.

Omnye wabahlali bale ndawo uthe umfana otshonileyo ebengaqali ukungena kweli dama nanjengoko ephangela kwiprojekthi ekufutshane neli dama.

“Masibe sisithi bekufike usuku lwakhe kuba ke kudala waqubha ebengaqali, yijonge le nto ebengabonwa nazizinja ebezingena ziphume zingafumananga nto,” utshilo umhlali.

Sekutshona umntu kweli dama nje abahlali bebesandula kucela uceba ukuba abancede babiyele eli dama nanjengoko abantwana betshona.

UNothobile Zazini uthe kwiveki ezimbini ezigqithileyo bekutshone umntwana kodwa ngethamsanqa wahlangulwa ngabantu ebebeyokukha amanzi kweli dama.

“Inokuba esi sehlo siza kwenza uceba aphakame kuba ke abantwana bona siyabagada okanye sibagqibele bedlala phandle, sibone sele bengasekho,” utshilo uZazini.

Watsho esithi abanye bafumana ithuba lokuya xa abazali bephangele.

“Le nto yalo mfana mayibe sisifundo kuba kaloku ayiqali kwenzeka, zininzi gqitha izidumbu zeli dama,” kutsho uZazini.

Eli dama alisetyenziswa nje kuphela ngabantu baseHombe, kodwa nezinye iilali nanjengoko abantu besebenzisa amanzi xa kukhona imingcwabo neminye imicimbi ethi idinge amanzi.

“Njengokuba ubona nawe ukuba eli dama linceda abantu abaninzi kakhulu kwaye abayekanga ukuwakha kuba kusithiwa kutshone umntu,” utshilo uZazini.

Abahlali bale lali bakwaxelele I’solezwe ukuba kunyaka ophelileyo kwafunyanwa umzimba wendoda eyayibotshelelwe emotweni ze yalahlwa kweli dama.

“Limdaka kakhulu eli dama, liyabizela futhi nabantu ke abayekanga ukwenza imisebenzi yabo emdaka ze bazokulahla imizimba apha kulo,” batshilo abahlali.

Batsho besithi imizimba emane ifunyanwa kweli dama yeyabantu ababulawa kwiindawo abahlala kuzo ze bayokulahlwa kweli dama.

“Abantu bezinye iindawo bazi indawo yethu njengendawo emdaka kanti akunjalo ngabantu bezinye iindawo, yilo nto sicebisa ukuba makube khona unogada oza kujonga iimoto ezingenayo neziphumayo kweli dama,” batshilo abahlali.

Aba bahlali bavukela kweli dama yonke imihla ngethemba lokuba baza kude bawufumane umzimba wexhoba.

USihle Ndarane nonguceba wale ndawo, uthe benza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba eli dama liyabiyelwa nangona liphantsi koDAFF.

“Kudala sishukuxa lo mba weli dama ngenxa yezi ziganeko nangona ndingayazi ukuba izokwenzeka nini into yokubiywa kwalo nanjengoko isashuxukwa kodwa iza kwenzeka,” utshilo uNdarane.

isibhalo@inl.co.za