Udutyulwe ngubani uPisto eGugulethu?

Indawo yolonwabo iPisto Lounge eGugulethu

LUNXUNGUPHELE usapho lakwaMgcina eGugulethu noluntu ngokubanzi emva kokudutyulwa kosomashishini owaziyo, uMonde Mgcina, nobedume ngelikaPisto.

UMgcina udutyulwe ngoMvulo kusasa ngabantu abangaziwayo. Ngokwengxelo ephuma kwikhasi lonxibelelwano uFacebook, udutyulwe ngelixa ebepaka imoto yakhe eyiMercedes Benz ebomvu endlini yakhe eNY75, kwinto erhaneleka ngathi bekuzanywa ukoxuthwa imoto leyo.

Ummelwane kaPisto, uFaith Xolelwa ubhale wathi: “UPisto waseNY 112 naseSochilla usweleke kwimizuzu embalwa egqithileyo. Udutyulwe ngelixa ebepaka imoto yakhe eyiMercedes Benz ebomvu eyadini yakhe e75. Ndithetha nje ndisendlini yakhe nenkosikazi yakhe nentombi yabo, kwaye bethunana kubuhlungu ukubona umakhelwane wam elele phantsi enethwa yimvula ngathi yinja.”

Usihlalo weGugulethu CPF, uSonwabile Magida, uyayikhaba eyokuba bekufunwa imoto yakhe.

“Aba bantu bebebhalele kuPisto. Bayithathe nje loo moto bayishiya ngakwaMaPhindi. Kwaye ayenziwanga nto,” utshilo.

UMagida uthe baza kucela amapolisa wephondo ukuba alithathele kuwo eli tyala ngoba abawathembi awasekuhlaleni.

“Asinathemba lokuba usapho lwakhe luyakubufumana ubulungisa. Abanasakhono abecuphi bezi zikhululo zasekuhlaleni. Siza kucela ukuba idokethi lisiwe emapoliseni wephondo. Kusenamatyala wokubhubha kooceba ababini kulo nyaka uphelileyo nalapho kungekabanjwa mntu,” utshilo.

Uceba wakwaWard 40, uBongani Ngcombolo, uthe le nto ibonakalisa ukuba bangcolile abantu kwaye asikhuselekanga siluluntu. Uthe esi siganeko ngumyalezo kurhulumente ukuba makabe ngathi uphakamisa unyawo ukulwa ubundlobongela.

“Buyaqatsela ubundlobongela. Kudutyulwe kwabulawa umntu ongumama kule veki iphelileyo xa bekudutyulwa kwivenkile zaMasomali ezimbini,” utshilo.

UNgcombolo uthe kubuhlungu kakhulu ukulahlekelwa nguPisto ngoba ebedlala indima enkulu eluntwini. “UMgcina ebesondla izikolo neecawe. Kwaye nakowabo bekujongwe kuye. Usapho lwakhe lunxunguphele ngoku.”

Evakalisa ukudandatheka zezi ndaba, intloko yabayili (Designer) eJoyful SA, uPharrel Matroos, uthe wayifundiswa nguMgcina yonke into ayaziyo ngezoshishino kwaye ebexhasa imicimbi yakhe.

Ubhale kuFacebook esithi: “Wandifundisa konke endikwaziyo ngoshishino. Indlela elula yokufumana iphephamvume lemicimbi yam, wandinika nabantu asebenzisana nabo kuba ndinombono ndisemtsha. Ibe buhlungu intliziyo yam ndakuvukela kwezi ndaba zimbi kangaka, R.I.P Ta Pisto, ndiyabulela ngako konke osenzele kona neemvumi eziselula zaseGugs kwanoosomashishini. Kukho ooDJ namhlanje ngenxa yakho. Ukuba ubunoshishino ufuna inkxaso ebekunceda uTa Pisto. Oosomashishini baseGugulethu bazicingela bodwa kodwa uPisto ebengafani nabo.”

UMagida naye ungqinile ukuba uMgcina ebeluncedo kangangokuba amashishini akhe ebegadwa yiNeighbourhood Watch.