Usuku lwamaAfrika nesipho sethu

NgoMgqibelo, umhla wama25 kuCanzibe, lolwa suku lokuba sivumbulule iimpahla zethu, sikhangela eziya zinophawu lobuAfrika kuzo.

Lusuku lokulingisa, lokuzenzisa nokuthi singama-Afrika. Kule minyaka igqithileyo besikade sithatha inxaxheba nathi kule mibhiyozo yolu suku kodwa ekuhambeni kwexesha side nathi saphaphama sayibona le ntsomi sithatha inxaxheba kuyo.

Iintsuku ezi zonyaka abantu baphila ubomi baseNtshona; kuqhuma esi siNgesi mihla nezolo kwaye akho kwanto eyenziwayo ukubonakalisa ubuAfrika. Kwaurhulumente lo wethu akakazifezekisi izithembiso zokonyusela iilwimi zesiNtu kweli; phantse konke okubhalwa ngurhulumente kuza ngesiNgesi kuqala.

Uzibuze ke ukuba eneneni ngamaAfrika anjani na la? Iilwimi ezi zethu yeyona ndlela ilula yokuzilungiselela; ikwalithuba lokuba udale amathuba engqesho kwakunye nababhali abatsha besiXhosa.

Kodwa, nkqi, sisaqhuqhana nale nkwethu yesiNgesi nobukoloniyali obusigcwele intloko. Kwizikolo zethu abantwana bethu abafundiswa kwanto ngembali yamaAfrika.

Bafundiswa ngooJan van Riebeeck nooBartolomeu Diaz. Wakhe wayibona phi into enjalo? Endaweni yokuhlohla iincwadi ezidakankca imbali yezizwe ngezizwe zabantsundu kweli, sisathe phithi kukwazi ngamanye amazwe.

Kule veki siphisa ngeencwadi ezintsha ezipapashwe eRhini; zibhalwa ngabantu bakuthi ngelizama ukufundisa abantwana abancinci ngembali yeAfrika.

Kroba iphepha lokuqala pha phezulu. Ziincwadi ezifundisa abantwana ngobomi bamandulo eAfrika; ukuzingela, ulimo, ukuloba, ukufika koonyawontle, impucuko yamaAfrika, ukuqala kwezorhwebo eAfrika, iiyunivesithi zokuqala eAfrika, iinkokheli zokuqala zamaAfrika, ingcinezelo yamaAfrika kwakunye nenkululeko yamaAfrika. Sisiqalo ke esi.

Abantwana bethu kufuneka bazazi ukuba basuka phi ukuze bazazi ukuba bayaphi kule Afrika. Sakukhetha abantu abane abakuthi baphumelele ezi ncwadi.

Kwabo bangaphumelelanga bangafaka iiodolo zabo zale ncwadi ku: kids@historyeducation.africa