Amaceph’ amatsha wephondo

Fezeka Nkomonye-Bayeni,

uMphathiswa wezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko

“Kum eli sebe lithetha ukuvula isithebe seengxoxo malunga nezinto ezakha isizwe neziqaqambisa ubuntu nenkcubeko yethu. Kwakhona okubalulekileyo kukunika ithuba ukuba abantu bathabathe inxaxheba kwimiba yezemidlalo nolonwabo, khon’ ukuze sibe noluntu oludlamkileyo. Ukuqaphela amasiko nezithethe zabantu bakuthi ukuze bazi banzi ngemvelaphi yabo yenye yezinto ezibaluleke kakhulu kweli sebe. Okunye kukuba sibancedisa njani abantu ukuze bagqwese kwezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko.”