Ifolosi yeMamelodi
Sundowns, uPhakamani Mahlambi, igxothiwe enkampini yeqela lesizwe izolo.
Umqeqeshi weBafana Bafana wethutyana, uDavid Notoane, ukubhengeze oku ngethuba
ethetha neentatheli emalanga izolo. UMahlambi ngomnye wabadlali abangaphezulu
kwamashumi amabini abachongiweyo nguNotoane ukuze bathathe inxaxheba
emidlalweni yeCosafa Cup edlalelwa eThekwini kwiphondo laKwaZulu-Natal kulo
nyaka. Umqeqeshi akavumanga ukuzichaza izizathu ezibangele agxothwe umdlali
weSundowns. “Ewe, akekho apha enkampini,” utshilo uNotoane. UMahlambi ngomnye
wabadlali abaselula ngeminyaka ekulindeleke ukuba bazibonakalise kwitumente ezifana neCosafa
ukuze bakwazi ukungena nakwiqela likaStuart Baxter – aBafana Bafana.
URonwen Williams ucelela inkxaso yabalandeli beChiefs nePirates!