Bazimisele ukwenza iifilimu eMthatha

Kwiveki ephelileyo ngoLwesihlanu abenzi beefilimu eMthatha bathe bathathelwa ingqalelo nguMasipala wokuhlala kunye nesigqeba seefilimu sengingqi yaseO.R. Tambo emva kukuba kuthe konyulwa isigqeba esizokuthi silawule iqumrhu leefilimu kummandla waseKing Sabata Dalindyebo (KSD). Olu lonyulo belubanjelwe kumabala ezemidlalo iMthatha Stadium.

Esi sigqeba sithe sabekwa kule dolophu yaseMthatha emva kokuba abo benza ifilimu bathe baqwalasela into yokokuba ayikho imithetho kaMasipala ebathethelelayo ukuba bangaxhatshazwa ngabo abasuka kwiidolophu ezinkulu abeza ngeenjongo zozokufota iifilimu zabo.

UMasithembe Vena nongusihlalo weKSD Film Forum uthi uyivuyela kakhulu le nto yenzeke kule dolophu ngoba ngoku abaphinde baxhatshazwe ngabenzi beefilimu abadumileyo.

“Phambi kokuba sibe khona esi sigqeba umntu ofuna ukwenza ifilimu apha ebenokufika ayenze nje nakanjani, kodwa kungoku ayinokuphinda yenzeke lo nto. Le dolophu ityebile ngamabali yaziwa yonke indawo lo nto. Asithi mabangawabalisi amabali ale ndawo, qha sithi nathi singabantu balapha masidlale indima kwaye sibe nalo igalelo,” utshilo.

Uthe ngokomthetho kufuneka isiqingatha samashumi amathathu ekhulwini sabasebenzi ekwenziweni kwaloo filimu basuke kwidolophu leyo ekwenzelwa kuyo ifilimu.

USikunjulwe Mkaza nonguMphathi kwiCandelo lokuPhuhliswa kwezoQoqosho ekuHlaleni uthe benguMasipala iKSD kudala bezixhasa ezenkcubeko kulo mmandla ngokuba minyaka le bebethumela iqela eliya kumnyhadala wezobuGcisa waseMakhanda.

“Ukusukela ngoku ukuya phambili kuzokuhamba isigqeba esi seKSD Film Forum. Thina singuMasipala sizokuqala ukubabekela imali bucala kwinyanga yeKhala, nalapho sizokuthi sibafune ikhalenda yabo yonyaka sizokutsho siyazi ukuba benzani minyaka le. Siceba ukubavulela iofisi kwesinye isakhiwo sethu,” utshilo.

Obekhokele olu lonyulo uMangena Mayekiso nongusihlalo weCCIFSA eMpuma Koloni uthe ngoku izokuphela into yokuba abantu bangaphandle bathathe umsebenzi woonofilimu baseMthatha.