AmaZulu abambene ngeqanda nePirates emdlalweni obuseKing Zwelithini Stadium

Thembinkosi Lorch of Orlando Pirates and Sibusiso Mabiliso of Amazulu during the Absa Premiership 2019/20 football match between Amazulu and Orlando Pirates at King Zwelithini Stadium on 20 August 2019 /BackpagePix

Emdlalweni we-Absa
Premiership obunzima eKing Zwelithini Stadium, AmaZulu ne-Orlando Pirates
zibambene ngeqanda macala namhlanje ebusuku. AmaZulu ade alifumana inqaku lawo
lokuqala kule sizini entsha emva kokudlala imidlalo emithathu. Iqela likaCavin
Johnson libethiwe emidlalweni emibini yokuqala – kodwa ukungabethwa kwalo
namhlanje kuza kumxolisa ngakumbi. Umqeqeshi wePirates, uRhulani Mokwena, wenze
iinguqu eziliqela emdlalweni wanamhlanje. Ufake abadlali abafana noFortune
Makaringe, uXola Mlambo noGabadinho. AmaZulu anyamezele kakhulu izithonga kwisigaba
sokuqala somdlalo emva kokuba abadlali bePirates bedubule macala nangona
bengakwazanga ukufaka igowuli emnatheni.

Emva kokuya
kwixesha lokuphumla kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini, umdlalo
ubushushu kakhulu nasekuqaleni kwesiqingatha sesibini. AmaZulu ayicishilele
iPirates phantse sonke isigaba sesibini – kodwa uWayne Sandilands khange avume
kwade kwase kugqibeleni. Nangona iPirates ingakwazanga ukugoduka namanqaku
apheleleyo – kodwa umqeqeshi uya kugoduka exolile ngoba abadlali bakhe
bakwazile ukuvala iibhola eziyingozi. Ngoku iBucs iza kujamelana neGreen Eagles
yaseZambia emdlalweni weCaf Champions League ngempelaveki emva kokungakwazi
ukuphumelela imidlalo emithathu yonke ukusukela mhla yabethwa eZambia.

   

AmaZulu: Boshoff,
Sikhakane, Mabiliso, Xoki, T.Gumede, Vilakazi, Magaqa, Sithebe, Ncobeni, De
Jong, Ntuli.

Amalalela: Mbatha,
Madela, M.Gumede, Darpoh, Karuru, Chawaphiwa, Cele.

Pirates: Sandilands,
Jele, Mbekile, Maela, Ndlovu, Mlambo, Mako, Makaringe, Pule, Lorch, Mhango, 

Amalalela: Delle,
Ndengane, Nyauza, Dlamini, Tlolane, Shonga, Mabasa.