Baxhele inkomo kuqhankqalazo lwaseFort Hare

Baphinde kwinto abaqhele ukuyenza abafundi beYunivesithi iFort Hare eDikeni emva kokuba bebambe inkomo bayixhela kwingqumbo yabo yokulwa nabaphathi malunga nesibonelelo semali iNSFAS.

“Kudala sithenjiswa ukusukela ngenyanga kaTshazimpuzi ngabakulawulo ukuba ezi zinto sikhala ngazo singabafundi ziza kulungiswa kodwa azide zilungiswe. Izithembiso ezenziwa ngabaphathi azide zifezeke. Ukuba umfundi ugula ngokuxhuzula bathi masithini njengokuba kungekho manesi nje. Asihoywa kudala sikhala,” utshilo uJames Nqabeni, inkokheli yabafundi baseFort Hare.

Abafundi bazibale zaliqela izinto ababanga ngelithi azithathelwa ngqalelo ngabakulawulo.

Ezi zinto zifana nokulungiswa kwamagumbi okufundela kuba bathi xa befunda bama ngenyawo nto leyo kwakukudala bethembisa abaphathi ukuba iza kulungiswa, ukungabikho kwamanesi kwikliniki engaphakathi esikolweni sabo kuquka nomba wemali yesibonelelo sabo sokufunda iNSFAS.

Kumba kaNSFAS, abafundi bathi abacingelwa ngabaphathi kuba uninzi lwabafundi bale yunivesithi baphuma kumakhaya angathathi ntweni axhomekeke kule mali.

“Kubo kubonakala intle le nto yokuba abafundi belala bengatyanga ngenxa yokungabi namali yokuthenga ukutya. Khange abaphathi bathathe manyathelo ngalo nto ukusukela ngoTshazimpuzi.”

Ungquzulwano phakathi kwabafundi namapolisa luqale ngoLwesibini ze kwadutyulwa abafundi abahlanu. Ngenxa yomsindo, abafundi baxhele inkomo eDikeni izolo. Kokwesithathu abafundi baseFort Hare bexhela inkomo ukusukela ngo2015. Bathi bakwenza oku kuba befuna ukumanyelwa ngabasemagunyeni.

Abafundi abonzakeleyo babe bane ngoLwesibini kolu qhankqalazo. Abanye bangeniswe kwisibhedlele saseDikeni iVoctoria, ze omnye oyintombazana wabalekiselwa kwisibhedlele saseMonti.

Iyunivesithi kwimbalelwano, ngokomlomo kaMalinge Geba ojongene neemfuno zabafundi, ithe: “Oku kuyasiphoxa kuba sele ikhona into ebhaliweyo apho iinkokheli zabafundi ziza kuthi zidibane nabalawuli ngomso malunga nendibano ebibanjwe ngabalawuli ngeengxaki ebeziphakanyiswe ngabafundi kwiveki edlulileyo.”

“Siyaluqinisekisa uzinzo kwesi sikolo, siza kwenza ngako konke okusemandleni ukusombulula le ngxaki. Ukufunda makuqhubekeke ebafundini ukuvala neli xesha limoshakeleyo. Sibongoza intsebenziswano,” utshilo uGeba.