Indalo luxanduva lwethu sisonke

KUNGEKUDALA, ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kule yoMsintsi, uluntu luza kube lubhiyozela usuku lwehlabathi lwezokhenketho. Olu lusuku apho kuye kuqatshelwe igalelo lwezokhenketho kwimiba yezenkcubeko, ezoqoqosho, ezopolitiko kwakunye nezentlalo.

Ukhenketho lukhenketho ngenxa yendalo. Kwiphepha lethu lesithandathu siyabonisa ukuba ukhenketho yindalo. Indalo ke yekaMdali, kuba idalwe nguye. Kodwa ingaba apha eMpuma Koloni sikuqonda kangakanani ukubaluleka kwendalo ngokumayelana nemiba yezoqoqosho nangokwemo yezentlalo?

Xa utyhutyha amanxweme entshona yeMpuma Koloni, phaya kooBhayi, Cawa, Jeffreys Bay, St Francis Bay – ufika kukho iintshukumo ezininzi zezokhenketho. Uphinde ungene kwintshona yephondo phaya kwiKaroo – ooRhafu, Baviaanskloof njalo njalo- ininzi into yokwenza ngokwezokhenketho.

Uphinde uze kwimpuma yephondo, kunxweme olundlongondlongo (Wild Coast), phaya kooCentane, Gatyana, Xhorha, Mqanduli, Ngqeleni, Sajonisi, Lusikisiki nooMbizana, kukho iindawo ezintle apho ubani angathi azonwabise.

Indalo isizisela amathuba ezoqoqosho, ngaphandle kwayo asinakuze sikwazi ukuphila impilo enococeko. Nokuba ubani sele ecinga ukuba yena akanakudlala ndima kumaphulo ococo lwendalo, kuyafuneka ukuba sizibuyisele senze oko kuncinane sinako ukuthabatha inxaxheba kwiinkquleqhu zokukhathalela indalo.

Ukuba asenzi njalo isizwe siza kulambatha. Cinga ngegadana encinane yemifuno kamama ophaya elokishini okanye ezilalini. Xa engenamanzi, ngenxa yokungabikho kwemvula okanye ukoma kroqo kwemibhobho yamanzi, asokuze akwazi ukuzilimela imifuno.

Notata ozifuyele iigusha neenkomo zakhe, akasokuze aphumelele xa kungekho ngca, esiyazi sonke ukuba ibaluhlaza xa kuna imvula.

Lo nto ithetha ukuba kufuneka sikuthathele ingqalelo ukubaluleka kwendalo yethu. Siyikhusele ingangcoli.

Amatiletile amancinane esiwenzayo angabangela utshintsho olukhulu. Ukukhathalela indalo akukhethanga bani, okanye bala lamntu, luxanduva lwethu sisonke.