Ayophisa Amakhosi emva kokuquthiswa yiPolokwane City ebaleni lawo

Kearyn Baccus of Kaizer Chiefs challenged by Puleng Tlolane of Polokwane City during the Absa Premiership 2019/20 football match between Kaizer Chiefs and Polokwane City at Soccer City, Johannesburg on 14 September 2019 ©Gavin Barker/BackpagePix

Amakhosi
ayophisa emva kokuquthiswa ngegowuli elinye eqandeni (1-0) yiPolokwane City
emdlalweni we-Absa Premiership obubanjelwe eFNB Stadium ngolu rhatya lwanamhlanje.
IKaizer Chiefs iphulukene nomdlalo okokuqala ukusukela oko kuqala isizini yePSL
ka-2019/20. Ukuphumelela kweRise and Shine (Polokwane City)
kuthetha ukuthi iya kwindawo yesibini kwiPSL kwaye ilingana neChiefs ekwindawo
yokuqala ngamanqaku alishumi. Umqeqeshi weChiefs, uErnst Middendorp, ukhethe
ukuqala umdlalo ngoDaniel Akpeyi obe ngunobangela wegowuli nakubeni u-Itumeleng
Khune ebekhona.

Umdlalo uvuthe
zibekwa – kodwa ibiyiChiefs ebiwulawula. Iqela lasePolokwane libhakuzelise
umnatha kwangoko kwisigaba sokuqala somdlalo ngonyawo lukaJabu Maluleka ofumene
ipenela emva kokuba uDaniel Akpeyi ewise umdlali wePolokwane City
ebhokisini. Emva koko iChiefs isukele isebenzisa abadlali abafana noLebogang
Manyama obengenalo ulwamvila noKambole obegadwe kakhulu. Umdlali wasemva
kwiChiefs, uErick Mathoho, uphantse wafumana amagowulu emva kokungquba iibhola
ezimbini ezichithiweyo ngunozinti weCity, uChmwenya Chibwe, odlale kakuhle
kakhulu ezipalini.

Kuyiwe kwixesha
lokuphumla iChiefs ihamba emva nangona ibiyiyo ebinamandla. UMiddendorp ufake
uKhama Billiat endaweni kaKambole kwisigaba sesibini – ofike wenza umahluko
omkhulu. UDumisani Zuma ungene endaweni kaSiphosakhe Ntiya-Ntiya. Ilikhusele
kwade kwasekugqibeleni igowuli layo iPolokwane
City
phantsi kobo bunzima.
Umdlali othe waqaqamba emdlaweni ibe nguChibwe – unozinti oyikhuseleyo kakhulu
iCity ezipalini. Impumelelo yeCity yeyesithathu kule isizini kwaye iza
kukhuthazeka ngakumbi emva komdlalo wanamhlanje.

 

 Kaizer Chiefs: Akpeyi,
Ntiya-Ntiya, Mathoho, Cardoso, Frosler, Maluleka, Manyama, Parker, Baccus,
Nurković, Kambole.

Amalalela: Khune, Katsande, Moleko, Castro, Zuma, Billiat,
Sasman.

Polokwane CityChibwe,
Mvelase, Mbonani, Motloung, Buthelezi, Tlolane, J. Maluleke, Manaka, Mngomezulu,
W.Maluleke, Mashumba.

Amalalela: Phali, Chauke, Hlubi, Musona, Phiri, Nthatheni, Nku.