‘Sonke singamadoda sinamanyundululu esiwafihlayo’

UKUBA njengendoda uthi xa ubona umntu obhinqileyo ube namagama athi “intle la weyi” okanye ubone umntu “omhle”, kuza kufuneka uzijonge esipilini uthi “ndim obulele * -Uyinene Mrwetyana”.

Olu luluvo lukaAdvocate Tembeka Ngcukayitobi ngethuba ethetha kwingxoxo ebiququzelelwe sisigqeba sabakhimkhanyo (convocation) saseWSU eGuild Theatre eMonti kwiveki ephelileyo.

Kule ngxoxo bekukho uNgcukayitobi, Njingalwazi Somadoda Fikeni, Njingalwazi Lwazi Lushaba kwanommeli weSRC waseFort Hare.

UNgcukayitobi uthi xa amadoda engekavumi ukuba ayingxaki, endaweni yoko ekhomba amanye amododa, kusekude engqinibeni.

“Xa siphuma kule ngxoxo [eGuild Theatre], abaninzi bethu baza kube becinga ngezinto ezininzi ngokumayelana namakhosikazi. Futhi xa sicinga ngabo asizucinga ngabo njengabantu abalingana nathi koko njengeeprojekthi.

“Iingxaki ziqala kwalapha kuthi, uhleli nabantu emzabalazweni kodwa into oyifunayo kukubalala. Emzabalazweni ndifike kuqhutywa le projekthi yee ‘weyi’ okanye ‘abantu bam’. Isenziwa nangoku lo nto,” kutsho uNgcukayitobi.

UNgcukayitobi uthi amadoda akaboni bantu emabhinqeni, babona abantu bokulalwa.

“Awubajongi njengabantu olingana nabo, koko ubajonga njengamaxhoba esondo okonelisa imidla yabo.”

“Xa sifuna ukulungisa ilizwe, masiqale silungise indlela esicinga nesibona ngayo amakhosikazi. Yinkcithaxesha into yokucinga ukuba ungenza uloyiso kumzabalazo ube wena ungakwazi ukuhlalutya imbonakalo yobuwena eluntwini. Kufuneka siqale ngokuzotyula ubunyulu bobuthina. Awunanyani xa uza kusixelela ngokukhusela amakhosikazi ube wena ungawakhuseli ecaleni, uwabiza njengeeweyi.

“Sonke singamadoda sinamanyundululu esiwenzileyo kumakhosikazi, kodwa sakwazi ukuwafihla. Kumnandi ngoku kweli dabi lokulwela amakhosikazi, uva amadoda esithi ingxaki ilapha kuthi madoda, ayeke umntu ukuthi ingxaki ikuye. Into eza kusinceda kukuba umntu avume ukuba yena unengxaki, futhi ke loo ngxaki iza kusonjululwa nguwe,” utshilo uNgcukayitobi. “Ayincedi ukuba kuthwe amadoda makasombulule iingxaki zokuhlaselwa koomama, abe umntu eyenza yena lo nto. Amadoda wonke ziindlavini, qha akavumi ukuba kukho into enjalo. Qho xa kukho into embi yokubulawa nokudlwengulwa komfazi, amadoda aye agxekane athi yenziwa ngamanye amadoda ayeke ukuvuma ukuba aziingxaki wona kuqala. “Mna ndifuna ndoda nganye izijonge esipilini, ivume ukuba yiyo ebulele * -Uyinene Mrwetyana. Singekayenzi lo nto siseza kuba sengxakini. Xa siphuma nje kweli holo (Guild Theatre), wonke umntu oyindoda uza kube ejonge ukuba ngowuphi umfazi omhle ukogqitha abanye. Yiyo le nto ndithi amadoda makavume ukuba ayingxaki, ayeke ukukhombana emehlweni,” kutsho uNgcukayitobi.

Yena uLushaba uthi le ngxaki yokubulawa nokudlwengulwa kwamakhosikazi ifuna sixananazise ukucinga xa sifuna ukuyisombulula.

“Kha ufane ucinge xa abantu abamhlophe bebenokuphakamisa izandla bathi siyekile ukuba ngabacalucaluli. Luza kuphela ucalucalulo? Iyafana le nto nobunganga bamadoda. Xa amadoda esithi mabuphele ubunganga bamadoda ngakumakhosikazi. Bungaphela?”

“Nakule ngxaki yokubulawa kwamakhosikazi, siphinda sithi yingxaki yabezomthetho. Siyilibele ukuba yingxaki yoluntu efuna thina ukuba sikwazi ukuyisombulula. Njengocalucalulo, ubunganga bamadoda buhamba namandla.

“Ingxaki esiye sibe nayo kukucinga ukuba singathetha ngokubukula uluntu ngokwesini, sibe siyibekele bucala ingxoxo yebala. Mandenze umzekelo ngendoda emnyama xa ixhaphaza inkosikazi emnyama. Kodwa beka inkosikazi emhlophe phambi kwendoda emnyama, uyaqala uyothuka ngoku,” utshilo uLushaba.

“Ngoku kuqhuba uqhankqalazo lokuba makuphele ukuxhatshazwa koomama ngamadoda. Kodwa mna ndibona ukuba siphulukene nethuba elihle kakhulu. Abakhokele olu qhankqalazo benza nje into yokwanelisa imidla yabo bangahlupheki kuyaphi (middle class). Into ebekufanele siyenzile kukugqamisa iindlela ezamkelekileyo zokuhlalisana siluluntu,” utshilo uLushaba.