Abahlali batshise iimpahla zesidlwengu

Umama wamaxhoba amabini ezigqume ngeqhiya ekhala ekunye nomama wesibini onguXoli okwangumama welinye ixhoba Umfanekiso: Phinda Kula

Khange izithwalise amazinki kukho umoya indoda enebala elikhethekileyo ngobumhlophe (iAlbino) nanjengoko ziliqela iziganeko zokubulawa kwabo ze kuthathwe amalungu athile emizimba yabo nekutyholwa ukuba kwenziwa ngayo amachiza.

Le ndoda kutyholwa ukuba izityhuthulele kanobom idlwengulwa iintwazana ezintathu kummandla woogobityholo iGreen Point eKhayelitsha.

Umtyholwa lo unamashumi amane anesibini eminyaka ubudala yaye kudizwa ukuba ukwanguye nonyawontle.

“Ndixheleke emphufulweni kuba abantwana bam ababini abangamantombaza badlwengulwe yindoda ibithandana nodadwethu. Yaye yonke le nto wayiqala apha ekhaya. Eyona nto indityumza intliziyo yonke le nto yenzeka ndingekho kuba bendendile ze abantwana bam ndabashiya nomama yaye zange khe ndeva ukuba ikho into ebahleleyo; bendiqala ukuyiva ngoku! Nangokuya benditshatile bendisiza – ukuza kubavelela – kodwa zange bayithi thsuphe kum le nto!” kutsho omnye wabazali (34) ocele igama lakhe singalivezi kuba esoyikisela ukuba abantu bakulazi eli xhoba lodlwengulo lingumntwana wakhe.

Lo mzali uqhube wathi esi sehlo saqala ukwehlela intombi yakhe ineminyaka emithandathu ubudala kuba kungokunje ineshumi elinesine leminyaka ubudala.

Uthi oku kuvakele ngethuba umntana ezityanda igila nanjengoko bayelelwa ngabancedisi babafundisi-ntsapho ukuba umntana ngamnye makabhale phantsi into embi eyakhe yamehlela.

Aba bancedisi bootishala baphuma kwiYunivesithi iStellenbosch. Unina wale ntwazana uthi kuthiwa intombi yakhe yayibeka ngobunjalo ephepheni imeko yokudlwengulwa kwayo yindoda kaninakazi ze emva koko yaya kuzivalela kwindlu yangasese yasitsho esofelweyo.

Umzali lo uthi emva kokuba beve ngolu daba baye bafumanisa ukuba nomnye umntwana wakhe oneshumi elinanye leminyaka ubudala uye wabalixhoba lokudlengulwa kwangumtyholwa lo ongaphaya kwezitshixo zentolongo sibhala nje.

Le nkosikazi khange ikwazi ukuzibamba icele kule yabantwana ngethuba ibambe udliwanondlebe nentatheli yeli phepha.

La maxhoba akaphelelanga kula mabini likhona nelesithathu; intwazana eneshumi leminyaka ukudala kodwa umcuphi kweli ityala uthe usaqhuba uphando.

Umama wexhoba lesithathu esakumbiza uXoli (28) kuphela uphefumle wathi: “Mna ndithathe amanyathelo emva kokuba ndive ezi zityholo nalapho kufumaniseke ukuba ngenene umntwana wam udlwengulwe. La manina adiza ukuba umntyholwa ebengahlali kude kwikhaya lamaxhoba yaye abahlali sele betshise neempahla zakhe nangona bengayitshisanga indlu ebehlala kuyo kuba ingeyoyakhe.

Sithetha nje umrhanelwa uzakuvela kwakho kwinkundla kamantyi eKhayelitsha ngomhla weshumi kule yeDwarha. Ukumiswa kweli tyala kulandela emva kokuba bungakhange bungeniswe ubungqina kwinkundla kamantyi eKhayelitsha.

Abahlali baseGreen Point bebephume ngendlu ukuya kuxhasa iintsapho zamaxhoba ngethuba umtyholwa ebevele phambi kukamantyi eKhayelitsha ngoMvulo umhla wamashumi amabini anesibini kule iphelileyo inyanga.