*Thumela eyakho incwadi eya kuMhleli ngeSMS okanye kuWhatsapp 063 743 9538

Kwiveki egqithileyo ekhaya kufike amapolisa efuna umntu ekuthiwa unezibhamu!

Afike ebusuku aphula ucango, atya ipolony, lo mntu ufunwa ngala mapolisa ayingowasekhaya.

Xa sixelela amapolisa lo nto ayinakwa sithini ukugqithela phambili xa sifuna ukuxela la mapolisa?

– Okhathazekileyo

* Umhleli: Bhota ungatsalela abakwaIPID, abaphanda ulwaphulomthetho olwenziwe ngamapolisa, ku012 399 0000 okanye i-imeyili ku:

complaints@ipid.gov.za.