UMcotheli uzimisele ukuyikhusela intshinga yakhe

UXolani Mcotheli ubetha ngenqindi phantsi ngelithi uza kuyikhusela intshinga yakhe yoMzantsi Afrika Umfaniso: Uthunyelwe.

UXolani Mcotheli uthi uzimisele ukuyikhusela ngamandla wakhe onke intshinga yakhe.

Le mbethimanqindi ikuthethe oku emva kokubetha uMarcus Lebogo waseGauteng ngamanqaku kwintshinga yoMzantsi Afrika yodidi lweJunior Welterweight emlweni obuseMdantsane Indoor Sports Centre kwiveki ephelileyo.

Ibilityeli lesibini eli tyendyana liphumelela intshinga yoMzantsi ukusukela ngonyaka ka2017. Ubunzima kakhulu umlo emva kokuba ethe wonzakala egxalabeni kumjikelo wesihlanu uMcotheli. OkaMcotheli uthi ukonzakala kwenze izinto zanzima ngethuba esilwa noLebogo.

“Ubunzima kakhulu umlo emva kokuba ndonzakele. Ndibulela abaqeqeshi bam ngokundinika iingcebiso ezichanekileyo. Zindincedile kakhulu iingcebiso zabo,” utshilo uMcotheli emva komlo.

Le mbethi yaseMthatha, kodwa ezinze eMonti, imncomile ugxa wayo uLebogo ngokuyinika uvavanyo.

“Uyimbethimanqindi ekwizinga eliphezulu. Undivavanyile kulo mlo. Iyafuneka imilo ekumila kunje ukuze uzibone ukuba uyakhula na njengembethimanqindi,” uMcotheli utshilo, uthi uzimisele ukuyikhusela ngamandla wakhe onke intshinga yakhe.

“Ndizimisele ukuyikhusela kangangoko ndinako intshinga yam. Ndinalo iphupha lokuba yintshatsheli yehlabathi, kodwa okwangoku ndisafuna ukukhulisa isakhono sam ngokukhusela le ntshinga,” uMcotheli utshilo.

Ezinye iziphumo zetumente yeFireworks Promotions: ULuvuyo Sizani ugoduke nentshinga yeABU SADC emva kokubetha uJackson Masamba ngamanqaku kumlo wodidi lweLightheavy Weight.

ULusizo Manzana ubethe uLithemba Goje, uLindile Ngxeke ubethe uZolile Miya. Yomibini imilo ibiyeyodidi lweMpukane iphunyelelwe ngamanqaku. ULuzuko Siyo unabise uMawande Mbusi kumlo ubukudidi lweNtambanani.

UNdobayini Kolosa ubethe uRaider Mulenga ngamanqaku kumlo wodidi lweLightweight wamanenekazi. UKalela Kudumbu ubethe uHumbulani Netshamutshedzi ngamanqaku emlweni weJunior Welterweight.