UMolefi Ntseki ucela uluntu luxhase aBafana Bafana phambi komdlalo weMandela Challenge

Molefi Ntseki coach of South Africa during the South Africa Training on the 03 September 2019 at Steyn City , Johannesburg Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Babila
besoma abadlali beqela lesizwe loMzantsi Afrika lebhola ekhatywayo enkampini
eseWolfson Stadium, eBhayi – apho balungiselela umdlalo wangempelaveki. IBafana
Bafana iza kuswantsulisana nelizwe laseMali emdlalweni weNelson Mandela
Challenge okulindeleke ubeshushu eNelson Mandela Bay Stadium ngentsimbi
yesithathu emalanga ngeCawe. Umqeqeshi weBafana Bafana, uMolefi Ntseki, uhlabe
ikhwelo eluntwini ngelithi mabeze ebaleni bazo kuxhasa iqela labo emdlalweni
ongempelaveki. Amalungiselelo weqela lesizwe akahambi kakuhle ngenxa
yokonzakala yentaphane yabadlali. UBongani Zungu noThamsanqa Mkhize ngabanye
babadlali abakhululweyo ngenxa yokonzakala. Kanti abadlali abafana noPercy Tau,
uErick Mathoho, uDean Furman noRonwen Williams akukaqinisekwa ncam ngokuphila
kwabo.

Kodwa
nangona kunjalo, uNtseki uqhubela phambili nokusebenza nabadlali abakhoyo kwaye
uthi ufuna iqela lakhe liphumelele ngeCawe. UMzantsi Afrika uza kufumana umdlalo
wokuqala oko kuthe kwaqeshwa uNtseki endaweni kaStuart Baxter emva kokuba
iZambia neMadagascar zigqibe kwelokuba zingadlali nawo ngenxa yokuhlaselwa
kwabantu bamanye amazwe okwenzeke eGoli kwinyanga ephelileyo. UNtseki uthi
ufuna ukusondeza iqela lesizwe ebantwini emva kokukwaywa kwalo ngabantu abaninzi
ngenxa yokungakwazi ukuqhuba kakuhle kwiitumente ezinkulu. “Kubalulekile
ukusondeza iqela lesizwe ebantwini ngoba lelethu sonke. Ukusondela ebantwini
yeyona nto efunekayo ukuze bakwazi ukulixhasa iqela. Sisondela emidlalweni
ehlakulela iAFCON 2021, inkxaso yabantu ibalulekile. Ndiyabacela abantu beze
ebaleni bazo kusibukela naxa sizilolonga,” utshilo uNtseki ethetha neentatheli.

–Isolezwe (laKwaZulu-Natal).