UMfazana ufundisa abantu ukupheka

UMfazana ufundisa uluntu ukupheka

Esaphangelela urhulumente uZama Mbane, 43, owaziwa ngelikaMfazana, wayethanda ukuzigqatsa apheke xa kukho amatheko ngenxa yokuthanda kwakhe ukupheka. Luthando olo ke olwambangela ukuba awushiye umsebenzi wakhe ayokugxila ekuphekeni.

UMfazana ubalisele I’solezwe lesiXhosa okokuba ukupheka yinto ayithandayo kakhulu nangona eyunivesithi wenza izifundo ezikude lee nento yokupheka.

Uthi wayokuphangelela urhulumente akugqiba kodwa zange onwabe sele elapho ngokuba kwaye kwakhula kakhulu uthando lokupheka kuye. UMfazana uthi wayede azigqatse apheke nasemsebenzini engacelwanga xa kukho itheko.

Le ntokazi yaseDikeni yaphela ibeka phantsi iintambo emsebenzini inenjongo yokuzimela ikwafuna nokulola italente yayo yokupheka.

Emva kokuyeka emsebenzini, uMfazana wagqiba ekubeni aye KwaZulu-Natal kumyeni wakhe apho wafika wabhalisa kwisikolo sokupheka kuba efuna ukuphuhlisa isakhono sakhe sokupheka.

UMfazana ukhulele kulomama wakhe apho athi abantu abaninzi yayingamantombazana awayenyanzelekile ukuba aphekele abantu bekhaya.

Uthi umama wakhe, owayengumfazi wesibini kutata wakhe, nomakazi wakhe, ngabo abamlola nangakumbi nabamfundisa iindidi zonke zokutya okuphekwayo.

Uthi wakufundiswa esemncinci nokwahlula ukutya okutyiwa ngamaxesha athile.

“Abantu abaninzi bayapheka nje kuba kufuneka kulalwe kutyiwe, ayimbanga ke lo nto. Kodwa kufuneka sazi futhi siqhele ukuba ukutya okuthile kuphekwa ngexesha elithile. Umzekelo, ukutya okutyiwa ngexesha lasebusika akufani nokutya okutyiwa ngexesha lasehlotyeni. Ukutya kwasehlotyeni kufuneka ibe kukutya okulula, ongazukuhlutha ude usindwe sisisu xa ukutyile. Okwasebusika kukodwa. Enye into emasiyazi kukuba ukutya okupholileyo nokushushu kunamaxesha. Kusasa, emini nasemva kwemini kohlukene,” utshilo uMfazana.

Uthi uyakwazi ukupheka izinto onazo endlini yakho xa ukwazi ukupheka kuphume ukutya okuhle nokumnandi ungadanga wagqiba imali yakho.

UMfazana ulijikeleza lonke ilizwe epheka zonke iindidi zokutya njengomntu okwaziyo ukuphekela nezinye iintlanga zamanye amazwe. Uyasetyenziswa kwinkqubo afundisa uluntu kuyo ngokupheka kwi-trufm.

Kanti uqhuba nezifundo zokupheka kwiidolophu ezahlukeneyo. UMfazana uyaziphekela iinkampani zabucala xa zimqeshile futhi sele epheke nakumatheko amakhulu afana nokubekwa koMongameli woMzantsi Afrika nokuvulwa kwePalamente eKapa.

Lo mpheki waseMpuma Koloni okwangusomashishini okhulayo uzingombe isifuba ngelithi akukho nanye into anokuthi akwazi ukuyipheka futhi kungekho hlanga angalaziyo ukuba luthanda ntoni lusitya ukutya okunjani ngokuba ibalulekile lo nto xa ungumpheki.

UMfazana uvale ngelithi ishishini lakhe lokupheka lihamba kakuhle eMpuma Koloni nakwiphondo laseGauteng. Uyafumaneka kuFacebook, Instagram nakuWhatsApp ku: 0715411616