Isiqalo sikaMapeza siyathembisa kwiChippa United

UNorman Mapeza eSisa Dukashe Stadium eMonti

Njengokuba iChippa United ikwazile ukuphumelela umdlalo okokuqala ukusukela oko kwaqala isizini ka2019/20 – ngoku kukho ukuvuseleleka kwethemba enkampini yayo.

IChippa ibethe iBloemfontein Celtic ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni weTelkom Knockout obumhle kwingqele ebiqhaqhazelisa amazinyo eSisa Dukashe Stadium ebusuku ngoLwesibini kule veki

ULehlogonolo Masalesa nguye oze negowuli eliphumelele ngalo iqela likaNorman Mapeza obeqeqesha okokuqala ukusukela oko ekuqaleni kwenyanga afike ngayo.

Belubhalwe ebusweni uvuyo kubalandeli nakubaqeqeshi emva komdlalo. Impumelelo yeChippa ichazwe ngumqeqeshi njengento eza kuthi ifunqule umoya wabadlali emva kokungaphumeleli emidlalweni yeAbsa Premiership.

“Impumelelo ibaluleke kakhulu kuthi ngokuba iza kufunqula ukuzithemba ebadlalini. Noxa ziikhona iindawana ezisafuna ukuqiniswa emdlalweni wethu kodwa indichulumancisile indlela abadlali abadlale ngayo emdlalweni. Into esifuna ukuyenza kwimidlalo ezayo kukuqinisekisa okokuba sidlala umdlalo odibeneyo ukusuka emva, esiswini ukuya phambili,” utshilo uMapeza obebonakala okokuba wonwabile.

Ephawula ngezinto acinga ukuba zinganceda iqela, umqeqeshi ubalule izinto ezintathu.

“Ndineeveki ezimbini kuphela ndilapha. Andikawazi kakuhle namagama wabanye abadlali. Into endiyenzileyo ibe kukuba khuthaza abadlali, kodwa ndibaxelele okokuba mabazithembe, bazimisele emsebenzini ukuze sikwazi ukukhupha iqela engxakini elikulo,” utshilo uMapeza.

Into ayifunayo uMapeza inye: kukususa iChippa United kwindawo ekuyo ngoku. Ngumsebenzi onzima lowo kodwa onokwenzeka ukuba iqela lingaqalisa ukuqokelela amanqaku apheleleyo emidlalweni elandelayo.

Iza kujongana nomdlalo onzima iChippa xa indwendwela iHighlands Park emdlalweni weAbsa Premiership oza kube useMakhulong Stadium ngo-20:15 ngoMgqibelo.

“Indlela esiqhuba ngayo emidlalweni engaphandle imbi. Kufuneka sisebenze ngokuphindeneyo. Injongo yethu kukusuka emsileni. Impumelelo yomdlalo wanamhlanje iza kusinceda ngokuba ikhuthaza abadlali,” utshilo uMapeza emva komdlalo ngoLwesibini.

Imidlalo yePSL:

Lwesihlanu: SuperSport United vs Black Leopards @Lucas Moripe Stadium, 20:00; Cape Town City vs Maritzburg United @Cape Town Stadium, 20:00

Mgqibelo: Stellebosch vs Orlando Pirates @Cape Town Stadium, 15:30; Golden Arrows vs Polokwane City @Sugar Ray Xulu Stadium, 15:30

Cawe: Baroka vs AmaZulu @Peter Mokaba Stadium, 15:30; Mamelodi Sundowns vs Kaizer Chiefs @Loftus Versfeld Stadium.

pedro.mapelo@inl.co.za