UJordaan ubhodl’idangatya ngoNtseki

Dr Danny Jordaan

Akonwabanga kwaphela umongameli weSafa ngenxa yeengxelo ezithi uMolefi Ntseki yayingoyena mntu oxabisa kancinci.

UGqr Danny Jordaan ubhodle idangatya kwincoko neSolezwe ngethuba ezimase intlanganiso yeSafa ebiseThekwini kwiveki ephelileyo.

Emva kweAfcon yalo nyaka, uStuart Baxter wakhetha ukuzibeka phantsi iintambo kwaze kwaqeshwa uNtseki endaweni yakhe.

Kwiveki ephelileyo, uNtseki uncede aBafana Bafana ngethuba bebetha iMali ngo’2-1 emdlalweni weMandela Challenge obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium.

Nangona umqeqeshi eqale kakuhle kodwa kusekho imbinana yabantu engekamboni uNtseki njengomqeqeshi ofanele ukuqeqesha iqela lesizwe.

Yilo nto kanye ecaphukisa uJordaan othi xa iSafa iqashe umntu omhlophe akubikho ntetha malunga nemali ebhatalwa umqeqeshi.

UJordaan uxelele Isolezwe okokuba ibe ngase afe xa esiva iintetha ngokuqeshwa kukaNtseki.

“Yintoni ingxaki yenu? Ngubani lo usoloko enixelela imfitshimfitshi? Niyamazi imali ayamkelayo njengokuba kuthe sa into ethi ubhatalwa imali encinci? Kutheni kusoloko kubakho iingxelo ezingeyonyaniso xa kuqeshwe umqeqeshi omnyama walapha eMzantsi Afrika? Xa siqasha abantu bangaphandle kuthiwa sibavimba ithuba abaqeqeshi balapha. Xa siqasha abalapha kuyathethwa futhi. Kufanele siqubisane ngokukhawuleza nokujongelwa phantsi kwabaqeqeshi abamnyama kweli lizwe,” utshilo uJordaan kwiSolezwe.

Phakathi kuka2010 ukuza ku2019, iSafa ichithe iimali ezinkulu kubaqeqeshi abafana noCarlos Parreira, uPitso Mosimane, uJoel Santana, uGordon Igesund, uShakes Mashaba noStuart Baxter.

Kwinyanga ezayo ngomhla weshumi elinesine, uMzantsi Afrika uza kudlala neGhana emdlalweni ohlakulela iAfrica Cup of Nations eza kusingathwa yiCameroon kunyaka ozayo.

Ngomhla weshumi elinesixhenxe, uMzantsi uza kuqubisana neSudan emdlalweni wesibini oza kube useOrlando Stadium.

UMzantsi Afrika uthelekiswe namazwe afana neGhana, iSudan neSao Tome Principe kuGroup C.