Umboniso wefashoni eMdantsane

Iinzwakazi zibonisa ngeempahla eqongeni

Banikwe ithuba lokuba babonise ngeempahla zabo abathungi bempahla kumboniso wefashoni obubanjelwe eMdantsane eMonti kule veki iphelileyo.

Bekuboniswa ngeempahla zoomakoti, iisuti zamadoda zesintu nezinye eIndoor Sports Centre.

Ezi mpahla bezinxitywe eqongeni ziimodeli zaseMasizakhe Orphanage Home nabanye basekuhlaleni. UElinah Godlo uthi bakwenze oku ukuzama ukuqinisekisa ukuba aba bantwana babe nokuzithemba.

ISmaEli Fashionistas yinkampani esebenza ngentengiso yefashoni apho baye bathi babonise ngempahla yabathungi abazithungela ngokwabo eqongeni.

Le nkampani yenze lo mboniso ukuzama ukuqhakazisa italente yabathungi bempahla nendlela ifashoni eyenza bahlale bekhuthazekile, kuba abantu abangabathungi bempahla batshintsha imisebenzi yabo kuba kungekho ntshukumo ibakhuthazayo njengokukhula kwecandelo lokuthunga.

Umsunguli walo mboniso, uElinah Godlo, noyinzalelwane yaseMdantsane, uthi baye bakhangele abayili beempahla abaza kuthi babonise ngeempahla zabo ukuze bakwazi ukufumana abathengi nokutsala umdla kuluntu kwezefashoni.

Uthe kuyamvuyisa ukubona uncumo kubantwana abe bengenele lo mboniso wefashoni.