UBenni uyambulela uJohn Comitis omgxothe ebusuku

UBenni McCarthy unikwe uphumaphele yiCape Town City ekuqaleni kwale veki ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo

Abaphathi beqela lebhola ekhatywayo laseNtshona Koloni, iCape Town City, balinde kube sebusuku phambi kokwenza isibhengezo esishiye abantu abaninzi bothukile.

Ekuseni ngoMvulo, abantu bavuswe ziindaba ezithi uBenni McCarthy ugxothiwe yiCape Town City.

Ukugxothwa kukaMcCarthy, 41, kwamkelwe ngeendlela ezahlukeneyo kodwa akothusanga ncam ngoba iqela belingakwazi ukuvelisa iziphumo ezihle.

Ngaphezu koko bekukho iyantlukwano ngeembono phakathi kwakhe nosihlalo uJohn Comitis ngendlela yokwenza izinto.

“Iqela ligqibe kwelokuba lisiqhawule isivumelwano sengqesho sikaBenni McCarthy emva kokuba liphumelele imidlalo emibini kuphela kwelishumi elinesibhozo,” itshilo iCity kwingxelo ebhaliweyo ekhutshwe kwikhasi lonxibelelwano, uTwitter.

UMcCarthy wanikwa ithuba lokuqeqesha kwinqanaba eliphezulu ebholeni yaseMzantsi Afrika ngo2017.

Eminyakeni emibini, uMcCarthy wenze umsebenzi ophucukileyo kakhulu. Phantsi kwakhe, iCity ivale iisizini ezimbini isendaweni entle kakhulu yaphinda yaphumelela indebe yeMTN8 – into eyoyise abaqeqeshi ekudala beqeqesha eMzantsi Afrika.

Emva kwesi sibhengezo, uBenni uvakalise ukudana kwakhe kwikhasi lonxibelelwano.

“Ndiphoxeke kakhulu sisigqibo esithathwe liqela.

Nangani kunjalo, ndifuna ukuthi ndiyabulela kwiqela, abadlali, abalandeli nakuluntu lonke laseKapa.

Ndizingomba isifuba ngendikwenze ngethuba ndingumqeqeshi weqela kodwa endinokutsho ngoku kukuthi ndilinqwenelela okuhle iqela,” utshilo uMcCarthy.

Umqeqeshi okulindeleke abambe okwethutyana nguVasili Manousakis obekade elisekela-mqeqeshi.

Nangona uMcCarthy kukuninzi okuhle akwenzileyo njengomqeqeshi osemncinane wade wabonwa njengomqeqeshi oza kuthatha iintambo kwiqela lesizwe, kodwa indlela ebeziphatha ngayo xa iqela lakhe lingaphumelelanga ibingentlanga.

Kangangokuba, ubizwe yikomiti yoluleko yePSL kaliqela. Ekuqaleni kwale sizini iqhubekayo, bekukhe kwavakala into ethi uBenni noComitis bebekhe bajongana ngezikhondo zamehlo.

Abaqeqeshi ekucingeleka ukuba bangathatha indawo kaMcCarthy kubalwa phakathi kwabo uCavin Johnson obekade eqeqesha AmaZulu FC noMuhsin Ertugral owaziwayo eMzantsi Afrika.