USesona ugqala ikamva kwiinqanawe

USesona Mjuleni owenza izifundo ngolwandle (Maritime Studies) eCPUT UMFANEKISO: UTHUNYELWE

USESONA Mjuleni wenza unyaka wesibini kwizifundo ngolwandle (Maritime Studies) eCape Peninsula University of Technology eKapa.

Kubafundi abalikhulu elineshumi (110), alithoba kuphela amabhinqa nto leyo uMjuleni, waseSomerset East, athi ikhatshwa ziziqhulo eziphuma kumadoda afunda naye, ezithi “intombi entle njengawe itheni ifunda ngezinto zaselwandle?”.

Kodwa konke oku akumthibazi uMjuleni kuba uthi eli licandelo azikhethele ngokwakhe. “[Ekukhuleni kwam] bendisoloko ndifuna ukuqhuba into, mhlawumbi ukuba ngumqhubi weenqwelomoya. Ngethuba ndixelela utitshala wam malunga noku, wacebisa ukuba ndithathe izifundo ngolwandle.”

UMjuleni uthi akazisoli ngesigqibo sakhe sokuzibandakanya nezifundo ngeelwandle, noxa nje eyazi ukuba ikhona imicelimngeni. Efunda nje eCPUT, kungenxa yebhasari ayifumene kwiFama yoPhehlombane ngoMoya yaseCookhouse (Cookhouse Wind Farm).

UMjuleni sele ezenzele inkqubo yeminyaka emihlanu equka ukungena kwezomthetho ngolwandle (Maritime Law) xa sele egqibe iminyaka elishumi elwandle, okanye icandelo lokuba yingqonyela yamazibuko aselwandle (Harbour Master).

Okwangoku uMjuleni uthi ufuna ukuba ligosa lenqanawe (navigating officer) phambi kokungena kwisikhundla esibizwa ngokuba yiChief Mate. Xa uyiChief Mate, kulapho ukwisikhundla esingaphantsi kukaKapteni wenqanawe.

UManejala weMisebenzi yoLuntu kwiFama yoPhehlombane ngoMoya eCookhouse, uElton Gordon, uthe: “Kubantu abatsha abaninzi, ukufumana inkxasomali yokufunda yenye yezinto abazilangazelelayo xa [bephumelele imatriki]. Kodwa, sifuna ukuxhasa abafundi bethu hayi nje ngokwemali koko ngezakhono.”