Ingaba uKumkani uZwelonke wayeyolela?

IKumkani uZwelonke Sigcawu kumsitho owawungowokubhiyozela imini yakhe yokuzalwa kwiKomkhulu eNqadu

Yayingumhla wamashumi amabini anesibini kweyoMsintsi, uSuku lwaMafa eSizwe, ngethuba iKumkani yamaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu ethetha okungathi uyayolela.

Wayethetha kumsitho owawubanjwe liphondo kwibala lezemidlalo eDutywa, apho wachaphazela ukuba mhla wakhothama umntu oza kungena ezihlangwini zakhe ngunyana wakhe.

“Mandiyibeke elubala ukuba akekho umntu oza kuphinda abe yikumkani emva kwam ngaphandle konyana wam,” watsho uKumkani.

UKumkani uZwelonke unaye unyana osele olukile. Umgidi wakhe wawenzelwa eNqadu ngo2014.

AmaTshawe abhengezile kule veki ukuba xa nje uqoshelisiwe umngcwabo wale Kumkani, aza kuqala inkqubo yokuxoxa ngoza kungena esikhundleni seKumkani.

Ngethuba lokombathiswa kwakhe ngo2015, uKumkani wayibeka yacaca eyokuba uyikumkani yamaXhosa jikelele.

“NdiyiKumkani yamaXhosa jikelele, hayi amaGcaleka kuphela kuba umhlaba kaXhosa uqala eMzimkhulu uyokuqhina eKapa,” watsho uKumkani.

Ethetha ngokuzingca ngenkcubeko kulo msitho waseDutywa, uKumkani wathi: “Ukuzingca kwethu ngenkcubeko kuqala apha kwisinxibo, imixhentso kwakunye nokutya okwakutyiwa mandulo okunika ingqiqo nesidima kule nto uzibiza ngayo. Ndiyacela bantwana beenkosi ningakhathazeki ndingumntu othetha nje. Omnye umntu angakhathazeka acinge ukuba ndilwile kanti andilwanga nto nje ndilungisa imeko endibona ukuba iyonakala.”