ULusanda noBetusile bakhangela iimvumi eMthatha!

ULusanda noBetusile Mcinga UMFANEKISO : UTHUNYELWE

UseMthatha? Ucinga ukuba unalo ilizwi lokucula kumaqonga amakhulu omculo weGospile? 

Ukuba kunjalo, zidibanise novavanyo oluqhutywa yiNduna Events Management kule veki. 

Igqala kumculo weVangeli, uLusanda Mcinga weLusanda Spiritual Group ekunye noBetusile, bakhangela iimvumi (backing vocalists) abaza kutshila nazo ukuqala kweli xesha likaxakeka lokuphela konyaka ukuya phambili. 

Abaphumeleleyo kolu vavanyo lokucula baza kufumana ithuba lokucula noLusanda okanye uBetusile. 
“Injongo yoku kukuphuhlisa isakhono sokucula kwiimvumi ezisakhasayo nanjengoko iimvumi ezininzi, njengoBetusile, zaqala njengee-backup singers,”  kutsho uAviwe Gqomfa weNduna Events Management. 
Naku okubalulekileyo:
*Kukhangelwa abaphakathi kwe18 ukuya kuma30 eminyaka;
*Kufanele ube kwidolophu yaseMthatha nanjengoko uLusanda noBetusile behlala khona;
*Phatha isazisi sakho xa usiya kwezi audition;
*Lungisa ingoma oza kuyicula;
*Usuku nguLwesithathu we20 kweyeNkanga;
*Ixesha lobhaliso yintsimbi yesibini ukuya kweyesithathu emva kwemini.
Konke oku kuqhubeka eChris Hani C-Section eLusanda Mcinga Street (kwaMam’ uLusanda) eMthatha. 
Ungaliyeki eli thuba likugqithe!