Yintlungu into ekwisibhedlele saseGcuwa!

Izigulana zilala ezitulweni naphantsi emakhalibhothini zilinde ukunyangwa umfanekiso: mbulelo sisulu

Abantu balala ezitulweni nasemakhalibhothini kwisibhedlele saseGcuwa kuba belinde ugqirha. “Kubuhlungu ukuba ngumntu ongathathi ntweni kwilizwe loMzantsi Afrika”. La ngamazwi kaNtsantsa Buza welali yaseNqabarha kuGatyane.

UBuza wophuke umlenze kwiveki ephelileyo waze waya eWillowvale Health Centre ngenjongo zokufuna uncedo.

Eli ziko liye lamthumela kwisibhedlele saseGcuwa ngomhla wamashumi amabini kweyeNkanga. UBuza uthi ufike ngentsimbi yethoba kusasa kwisibhedlele saseGcuwa.

“Ndifike ndisithi hayi inoba ndiza kunyangwa nje kwalo mini emva koko ndibuyele ekhaya. Kuthe kanti ndiyaziqhatha. Ndichithe imini nobusuku kwisibhedlele saseGcuwa ndafumana unyango kusuku olulandelayo, ngelo xesha ndiyagcuma zintlungu. Akuyonto ukungabi namali kuba ukuba bendinemali bendiza kuya kwisibhedlele sabucala silungise le ngxaki yam. Ndiqashe imoto ngeR1 200 ukuze indizise apha eGcuwa ngoku ndiye ndaqonda ukuba mandilale apha ezitulweni njengabanye abantu kuba andizubanayo imali yokuqasha enye imoto kwakhona ukuba ndithe ndagoduka,” utsho uBuza.

UNoweyitala Mambumbu welali yaseNqabane eDutywa akawuvali umlomo ngenxa yentlungu yesibhedlele saseGcuwa esingenabo oogqirha. Lo mama uthi ebeyokuchola iinkuni waze wawa ethwele inyanda.

“Ndiye ndahlala iveki yonke ndigcuma ziintlungu qha ngaphakathi ndizixelele ukuba hayi inokuba kupetyeke nje iqatha. Ndiye ndamane ndilithoba ngamanzi ashushu eli qatha. Kodwa khange liyeke ukudumba noba buhlungu. Ndiye ndaya eDutywa Health Centre, laze lona eli ziko landithumela kwisibhedlele saseGcuwa. EGcuwa ndifike ngentsimbi yeshumi elinesibini emini emaqanda. Nditshitshilize ezitulweni imini nobusuku ndayokuncedwa ngosuku olulandelayo. Siye salala ezitulweni naphantsi emakhalibhothini kuba silinde ugqirha,” utsho Mambumbu.

Lo mama waleka ngelithi ugqirha ebemnye ngolwa suku.

“Ndiyamncoma lo gqirha kuba ebesithi esajonge thina umve ebizwa kusithiwa makaleqe kwigumbi lokubelekisa kuba kukho umntu osokolayo ukubeleka. Hayi urhulumente wethu makaqashe oogqirha noko ayinyamezeleki lena imeko. Umke kowenu namhlanje kanti uza kufumana uncedo kusuku olulandelayo,” utsho uMambumbu.

Isithethi seSebe lezeMpilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo uthi isibhedlele saseGcuwa sinoogqirha abalishumi elinesithandathu, kubo abagqirha, abalishumi basisigxina ze abathandathu ibe ngabethutyana.

Uthi iSebe lezeMpilo likwiintshukumo zokongeza abanye abathandathu oogqirha kwesi sibhedlele.