Abaphathi bePSL nombutho wabadlali batyikitye isivumelwano sentsebenziswayo

PSL Chairman Dr Irvin Khoza, Kaiser Motaung PSL BOG, Mato Madlala PSL Acting CEO, SAFPU president Thulaganyo Gaoshubelwe and Nhlanhla Shabalala of SAFPU during the PSL Chairman Press Conference on 26 November 2019 at PSL Offices Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Zingcwatyiwe
iiyantlukwano phakathi kwePremier Soccer League nombutho wabadlali bebhola
ekhatywayo, iSouth African Football Players Union (SAFPU). Oku kwenzeke emva
kokuba abaphathi bePSL betyikitye isivumelwano sentsebenziswano neenkokeli
zombutho wabadlali entlanganisweni ebibanjelwe eGoli ngoLwesithathu. Usihlalo
wePSL, ugqirha Irvin Khona noMongameli weSAFPU, uThulaganyo Gaoshobelwe,
babhengeze iingongoma imibutho yabo eza kuthi icangcathe phezu kwazo. “Ibhola
ekhatywayo iyaphila ngoba kukho amaqela nabadlali abakhuphisanayo kwinqanaba
eliphezulu. Ibhola ekhatywayo kwinqanaba eliphezulu isuka kude eMzantsi Afrika –
kodwa eyona nto ebalulekileyo kukuba ikwazile ukuxhasa amaqela, abadlali neentsapho
zabo. Siyavuma kengoko ukuba ngeke sikwazi ukuqhubela phambili ngaphandle
kwentsebenziswano yamaqela nabadlali,” utshilo uKhoza.

“Sinethuba
lokuphumelela xa sibambisene – kodwa sakuwa sonke xa singenzi njalo. Sibone
kufanelekile okokuba kubekho iingxoxo phakathi kwabameli bamaqela ebhola
ekhatywayo neenkokeli zombutho wabadlali. Kubekho ukwaphuka kwentsebenziswano
phakathi kwePSL neSAFPU ngenxa yokungavumelani ngemiba ethile. Sigqibe
kwelokuba sizibhence sisonke sinenjongo yokolula onke amaqhina aphakathi
kwethu. Namhlanje ndinovuyo ngoba sityikitye isivumelwano esiza kusibophelela
sonke siyiPSL neSAFPU,” utshilo uKhoza. UMongamelo weSAFPU ubulele usihlalo
wePSL nesigqeba esiphethe iPSL ngokuvuma ukuqwalasela imiba ebalulekileyo
ebadlalini bebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika. “Yinto ebekufanele ukuba yenzeka
kudala le. Thina singumbutho wabadlali, sifuna ukuqinisekisa ukuba abadlali
bayakhathalelwa futhi kubakho inkqubo enefeya xa kuchotshelwe iingxoko
ngemivuzo yabo. Sikuqhwabela izandla osekwenziwe yiPSL,” utshilo uGaoshobelwe.

Phakathi kwezinto ekuvunyelwene ngazo:

Kuza
kubakho indlela yokusombulula iimbambano ekhawulezayo ehambela nemithetho
yeFIFA. Kuza kubakho uqeqesho lwamaqela nabadlali ngemiba equka iilayisenisi
zamaqela, ukufumana iinkcukacha ezibalulekileyo ngabadlali, ukubaluleka
kwerhafu, izinto ze-inshorensi, imali yomhlalaphantsi nomba wamachiza
angavumelekanga ebholeni ekhatywayo. Isivumelwano sithetha ukuthi iSAFPU iza
kufumana ithuba lokuthetha ngqo nabadlali bamaqela kabini ngonyaka.