URhulani Mokwena uzingomba isifuba ngomsebenzi owenziwe liqela lakhe

Rhulani Mokwena, coach of Orlando Pirates and Thembinkosi Lorch of Orlando Pirates during the Absa Premiership 2019/20 match between Kaizer Chiefs and Orlando Pirates at FSoccer City, Polokwane, on 09 November 2019 Samuel Shivambu/BackpagePix

Noxa
engakwazanga ukusinika igama isenzo esingamkelekanga esenziwe ngumdlali wakhe –
kodwa uRhulani Mokwena usigxekile. UThembinkosi Lorch ukhutshwe ngekhadi
elibomvu ngusompempe emva kokuba ethe waphindisa kuPuleng Tlolane omwisileyo
walandelisa ngokumbethisa ngebhola elele phantsi emdlaweni obungoLwesibini
ebusuku kule veki. Iqokelele amanqaku apheleleyo i-Orlando Pirates emdlalweni
we-Absa Premiership emva kokubetha iPolokwane
City
ngo’3-2. Ngaphandle
kwento kaLorch, umqeqeshi weBucs uzingombe isifuba emva komsebenzi omhle
owenziwe ngabadlali bakhe. Ezimnyama zikwindawo yesithandathu ngoku kwiPSL emva
kokuphumelela umdlalo wazo wesine kule isizini. “Ndiza kufa ndimncinane ngenxa
yentliziyo,” utshilo uMokwena eqhula emva komdlalo.

“Abadlali
bethu badlale omnye umdlalo okwinqanaba eliphezulu kwakhona. Ngexesha lokuphumla,
abadlali ndibathembise ngokubanika amagama amatsha ngenxa yendlela abadlala
kakuhle ngayo. Ndiyakholwa ngabo ngoba bayakwazi ukunyamzela futhi bayayilwela
iPirates. Ndiyazingca ngomsebenzi wabo noxa kusekho izinto ezithile ezifuna
ingqwalasela emidlalweni yethu,” utshilo uMokwena ethetha neSuperSport TV.
Abadlali bePirates banomkhwa wokufumana amakhadi abomvu imidlalo
elandelelanayo. Yinto leyo engaqhelekanga kwiqela elifana nePirates.
“Andiyibonanga ipenela, ndiza kuyijonga kodwa. Kodwa ndiyafuna ukuvuma ukuba
uLorch ebekufanele ukukhutshwa ngoba uphindisile. Ayivumelekanga lo nto.
Ndibone ebethiswa ngebhola qha mna. Iye ywamcaphukisa kelo nto. Yindlela
yokuziphatha esingeke siyikhuthaze. Ndiza kuthetha naye ngoba wenze into
engalunganga,” uvale ngaloo mazwi uMokwena.