UNurkovic uchaza okwenza yahluke kwamanye amaqela iKaizer Chiefs kule isizini

Samir Nurkovic of Kaizer Chiefs celebrates his goal during the Absa Premiership 2019/20 game between Stellenbosch FC and Kaizer Chiefs at Cape Town Stadium on 27 November 2019 Ryan Wilkisky/BackpagePix

Ifolosi
yeKaizer Chiefs etshisa bhe, uSamir Nurkovic, izityande igila ngokwenzeke kwiveki
ephelileyo eMbombela Stadium, eMpumalanga – apho kubethwe khona iqela layo
iMaritzburg United ngo’2-1 emdlalweni weTelkom Knockout. UNurkovic uphinde
wazibonakalisa okokuba ungumdlali osemgangathweni ophezulu emdlalweni afake
amagowuli amabini kuwo ngethuba iChiefs ibetha iStellenbosch ngomwasalala
wamagowuli amane eqandeni ngoLwesithathu. UNurkovic uthe namaqela afana
neBarcelona ayabethwa emidlalweni ebalulekileyo. Amakhosi asazama ukuphumelela
indebe yokuqala ukusukela ngo-2015. Ithemba likhona njengokuba ehleli phezulu
kwiPSL kwaye ukuba ingaqhubela phambili nokudlala ngendlela edlala ngayo ngoku.
Uvakalise ukoneliseka kekambe kukufaka kwakhe amagowuli amabini emdlalweni obuseKapa.

“Ndonwabile
kwakhona emva kokufaka amagowuli amabini namhlanje. Ndifuna ukuvuyisana noogxa
bam emva komsebenzi omhle nokusebenzisana kakuhle emdlalweni. Kwakhona, iqela
libonisile okokuba liyakwazi ukulwela impumelelo,” utshilo uNurkovic ethatha
neSuperSport TV emva komdlalo. “Okwenzeke kwiTelkom kuyenzeka nakumaqela afana
neBarcelona. Emva kokubethwa emdlalweni ogqithileyo, besiyidinga impumelelo
ukuze sikwazi ukubuyisa ukuzithemba kwakhona. Kunyanzelekile sithi gqolo
nokuqokelela amanqaku kude kube sekugqibeleni. Kule isizini, yiChiefs yodwa
ekwazileyo ukuqokelela amanqaku apheleleyo emidlalweni emininzi. UNurkovic uthe
eyona nto eyenza umahluko kwiChiefs kukuba abadlali babambisene futhi
bayaxhasana ngamaxesha onke.

“Sibambisene
eqeleni lethu. Eyona nto ebalulekileyo kakhulu esiyenzayo kukuhlala njengosapho
olunye. Xa uziva usekhaya, kulula ukukhululeka ebaleni. Mna ndonwabe kakhulu
kwiKaizer Chiefs. Abalandeli beChiefs ngabona babalaseleyo kwihlabathi lonke.
Nokuba sidlala phi, sisoloko siziva sisekhaya. Ndifuna ukubabulela ke ngalo
nto. Sicela basoloko besixhasa ngamaxesha onke. Akukho ndebe enokuphunyelelwa
ngeli xesha. Isemininzi kakhulu imidlalo. Kodwa ukuba singaqhubela phambili
nokudlala olu hlobo, izinto ziza kulunga ekugqibeleni,” utshilo uNurkovic.