Thabo Mbeki: Siziva siziinkedama!

Imifanekiso : BHEKI RADEBE

Obesakuba nguMongameli weli uThabo Mbeki uthi ukukhothama kweKumkani yamaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu, kusishiye “siziinkedama” isizwe sakwaXhosa.


UMbeki ebethetha kumngcwabo kaKumkani Zwelonke kwiKomkhulu iNqadu kuGatyana ngoLwesihlanu.

“Bekungekudalanga silapha Komkhulu sizokukhapha uKumkani Xolilizwe Sigcawu. Siziva siziinkedama. Eyona nto ibihlupha uZwelonke yintlupheko yabantu bakuthi.

Lusapho lakwaSigcawu, nani maTshawe, siyabulela ukuba nithe nasipha le nyhweba yokuba sithethe ngeKumkani,” utshilo uMbeki.

UMbeki uthi uKumkani Zwelonke ebebahlonipha kakhulu abantu besizwe sakhe.

Phakathi kwabanye babazili kuquka uMongameli Cyril Ramaphosa nowakwakhe, oosopolitiki, oosomashishini kwakunye nabantwana begazi.