Siyavuya, uyavuya uMzantsi

Esamkela uxanduva lokukhokela iphephandaba leCape Times uSiyavuya Mzantsi ezandleni zikaGqirha Iqbal Surve

Awanakuba awashukumanga evuya amathambo weentatheli ezimnyama zokuqala zeli emva kweendaba zokuba uSiyavuya Mzantsi (26) nguMhleli wokuqala omnyama wephephandaba iCape Times.

Le yimbali enganakubaliswa iphelele kungabizwanga amagama wamadoda afana noThengo Jabavu (1859-1921) ongunozala weentatheli eziquka unoNoni Jabavu nabanye.

UMzantsi uzalwa kwingingqi ezele oosaziwayo bokubhalwa kolwimi lwesiXhosa abaquka ubawo uArchibald Campbell Mzolisi Jordan (1906-1968) kuTsolo kwezompindo zomlambo iTsitsa.

Iphephandaba iCape Times lelinye lamaphephandaba ebephantsi kolawulo obelungenalusini ngaloo maxesha de kwazalwa inkululeko yeli ngo1994. Evakalisa uvuyo nemincili yakhe ngonyana wakhe, uBusisiwe Mzantsi uthethe wathi:

“Undenze umntu uSiyavuya, ndivuya kunye nabantu beli abavuyela impumelelo yakhe, ukhule engumntwana ozithobe kakhulu, bekungelula ukumazi ukuba ufuna ukuba yintoni ebomini bakhe,” utshilo uBusisiwe.

Kwiminyaka elikhulu namashumi amane anesithathu, eli phephandaba leCape Times alizange libe naye uMhleli omnyama. Iqumrhu labamnyama kwezoshishino iBlack Business Chamber ngomlomo kaMandla Mbusi lithi alinakuthula.

“Kwilizwe loMzantsi Afrika elinenguqu ehamba kancinci kwiinkampani zamaphephandaba, sikubona oku kuyinkqubela kumalinge okuguqula indlela aphethwe ngayo amaphephandaba,” utshilo uMbusi.

Lo kaMbusi ukwaqhwabele izandla uGqirha Iqbal Surve ngokuba ngumzekelo wenguqu kuluntu lweli. “Sikwaqhwabela izandla uMelanie Pieters noAneez Allie ngokutyunjelwa kwizikhundla ezitsha abakuzo,” utsho uMbusi.

USiyavuya Mzantsi uthi unethemba lokuba oku kuza kukhuthaza abaninzi kwiimbombo zone zeli.

“Ndinethemba lokuba ukutyunjwa kwam kwesi sikhundla kuza kukhuthaza izigidi zabantu abatsha ezilokishini, nakwiindawo zasezilalini ingakumbi eCingco, kuTsolo eMpuma Koloni, apho ndizalwa khona. Ukuze bazi ukuba ayikho into engenakwenzeka,” utshilo uMzantsi.

Uthi uyazingca ngokungena kweli phephandaba ngexesha lokwenza kwalo iinguqu phantsi kwephiko likaAneez Salie noGasant Arbeder ngenkxaso yeIndependent Media. Uninzi lweentatheli ezimnyama zeli ziphelele elubhacweni ngenxa yokungabikho kwamathuba okukhula kumaphephandaba eli.

UWaters Toboti ngomnye wezo ntatheli ezeva ubushushu zalifulathela eli. “Kwakunzima kakhulu ukusebenza kuthi, ibala lethu belisoloko lisivalela. Ibali olibhalayo nokuba lilungile usoloko usenziwa ukuba uzoyikisele. Wenziwe ucinge ukuba akukho nto ilungileyo onokuze uyibhale, ngenxa yoko ndabalekela ezinkampini zePAC eTanzania,” watsho uToboti. UMamkeli Ngam wakhe wasebenza njengentatheli yeMvo Zabantsundu.

“Kuyabonakala ukuba aba bangabalawuli bamaphephandaba bayayibona imfuneko yenguqu, kuyabonakala ukuba ilizwe eli lelomntu wonke, siyavuyisana naye kakhulu,” utshilo uNgam.

USiyavuya ukwangoyena Mhleli mncinci kubaHleli beIndependent Media.

siyabulela.mqikela@inl.co.za