Tete: Undichanile uCasimero futhi andikrokri nakancinci

UMphathiswa wezeMidlalo neNkcubeko eMpuma Koloni, uFezeka Bayeni, wamkele uZolani Tete kwisikhululo seeNqwelomoya saseMonti, esuka eNgilane apho abethwe khona ngempelaveki egqithileyoUmfanekiso: DSRAC

Obekade eyintshatsheli yeWBO kwiNtambanani, uZolani Tete, uvumile okokuba ubethiwe nguJohn Riel Casimero kwaye akanaso nesincinci isikrokro, kodwa angakuthakazelela ukuqubisana naye komnye umlo.

UTete uxelele I’solezwe lesiXhosa emva kokugaleleka kwisikhululo saseMonti esuka eNgilane, apho abethwe wanaba khona nguCasimero kwimpelaveki egqithileyo.

Noxa imbethimanqindi yaseMdantsane ibuye iphulukene nentshinga yayo kodwa yamkelwe ngezandla ezishushu ngabalandeli bamanqindi abe bexutywe nguMphathiswa wezeMidlalo uFezeka Bayeni emalanga ngoMvulo wale veki.

UTete uthe ufuna ukuphuma emva kokulwa umlo wakhe kulo nyaka ongakhange umphathe kakuhle kodwa wayibeka yacaca into yokuba uyafuna ukuziphindezela kuCasimero.

“Ngoku silinde umququzeleli wethu osithembisileyo okokuba ngeke alale engawufumenanga umlo endiza kuphinda ndilwe kuwo noCasimero.

Makaphinde abuye uCasimero. Kufuneka ayikhusele intshinga yakhe apha kum,” utshilo uTete ethetha neentatheli.

“Yena undichanile futhi andinanto endiyikrokrelayo.

Undichane ngexesha elilungileyo emlweni futhi andakwazi kwaphela ukufumana amandla okuqhubela phambili nokulwa.

Into eyenzekileyo ibinokwenzeka nokuba kukubani.

Yenzeke kum ke kweli ityeli. Khange ndicinge ngokubethwa ngethuba ndisiya emlweni,” utshilo uTete.

UMphathiswa uthe ukuwa kwakhe uTete akusosiphelo sakhe, makavuthulule aye phambili kwakhona.

“Siva kabuhlungu sonke kodwa asiphoxekanga ngoba uTete yimbethimanqindi ezimiseleyo, eziphethe kakuhle futhi ukubethwa kwakhe kube lilishwa nje.

Silapha namhlanje kuba sifuna aphakame emva kokuwa kwakhe ngoba sifuna ayokulwa kwakhona.

Siyazingca ngaye ngoba useyintshatsheli kuthi. Akukho nto ngemini enye.

Makavuthulule ayokubetha inqindi ngoba yeyona nto ayaziyo leyo,” utshilo uBayeni obesuka kutyelelo lwaseburhulumenteni oluqingqithe iveki yonke kwilizwe lamaJamani.